Musa ukuba lixhoba lolwaphulo-mthetho oluqhubeka kumaqonga onxibelelwano

“I-imeyili yakho izakuvalwa kuba idlule kumthamo womlinganiselo ohlelelwe kwi-imeyili nganye kwaye ukuze ingavalwa sicela uthumele igama lakho, iinkukacha ezenza ukwazi ukungena kuyo (password) kwane nombolo yefowuni yakho.”

Le yenye yenqwaba yee-imeyili ezifunyanwa ngabantu umhla nezolo, zithunyelwa ngabantu abanjongo zabo ikukufumana iinkcukacha zakho ukuze benze okubi ngazo.

Olu uhlobo lembalelwano, lungena kwiifowuni ngolu hlobo: “Uphumelele i-R250 000 kukhuphiswano lenkampani yethu. Ukubanga ibhaso lakho, fowunela le nombolo.” Usekela-mphathiswa wezonxibelelwano kwakunye neenkonzo zeposi uNjingalwazi Hlengiwe Mkhize uthi urhulumente uqaphele ukuba baninzi abantu abangamaxhoba olwaphulo-mthetho oluphehlwa kumaqonga onxibelelwano. UMkhize ebethetha eMonti kwiveki ephelileyo kumsitho wokucacisela uluntu malunga nomthetho oyilwayo (Cybercrimes and Cybersecurity Bill) wokukhusela abantu abazibona bengamaxhoba olwaphulo-mthetho oluphehlwa kumaqonga onxibelelwano.

“Ngokomzekelo abantu bakuthi ingakumbi ezilalini abayazi ukuba mabathini xa befumana imiyalezo kwiifowuni zabo ethi umntu uphumelele inkuntyula yemali,” utshilo uMkhize. “Maxa wambi ulutsha lasemaphandleni, ingakumbi abasetyhini, luyalukuhlwa ngabantu abaziingcaphephe kumaqonga onxibelelwano babathembise ngemisebenzi okanye imali kuba befuna ukufezekisa iinjongo zabo zolwaphulo-mthetho. Yiyo le nto ndikhuthaza abazali ukuba babekhona kooFacebook nooTwitter ukuze ubone umntwana wakho izinto azenzayo okanye abantu athetha nabo,” utshilo uMkhize. Usekela-mphathiswa uthi ukupapashwa kwemifanekiso eze ngabasetyhini, yenye yezinto ezijika zibengunozala wezehlo zolwaphulo-mthetho kumaqonga onxibelelwano.

UMkhize uthi lo mthetho uyilwayo ujolise ekufunquleni izinga lembuyekezo yobulungisa kumaxhoba olwaphulo-mthetho oluphehlwe kumaqonga onxibelelwano. Lo mthetho ukwajolise ekudaleni isolotya lotshutshiso kwabo bagrogrisa abanye abantu kumaqonga onxibelelwano.

UMkhize ukwathe ukuba ungumzali onabantwana abasebenzisa amaqonga onxibelelwano afana noFacebook kwakunye noTwitter, zama ukuzibandakanya nala maqonga ukuze wazi into abayithethayo kuwo. Ubongoze uluntu ukuba lubike emapoliseni xa lifumana ukuyucwa okanye ukonyeliswa kuFacebook, Twitter, WhatsApp ne-imeyili. Ezinye iinkcukacha kwaneengcebiso zokuhlala ukhuselekile kwiminatha yonxibelelwano ziyafumaneka kwidilesi ethi: https://www.cybersecurityhub.gov.za.

Xa ulixhoba lokuthukwa kumaqonga onxibelelwano (Facebook, Twitter noWhatsApp) thumela i-imeyili ku: vulnerability@cybersecurityhub.gov.za.