Musa ukuluyeka uqeqesho emntwaneni

Masingaziqhathi, senze ngathi asixakanisekanga yile nkqubo karhulumente athi masibaqeqeshe ngayo abantwana. Iyasoyisa! Urhulumente uthi masithethe nabo abantwana, singababethi xa bengeva.

Uthi masisebenzise ezinye iindlela zokubohlwaya, kodwa singayenzi impazamo yokubabetha. Inokuba lo rhulumente ucinga ukuba sizelwe izolo na kanene?

Njengokuba thina aba singala madoda nabafazi singabo ucinga ukuba sakhuliswa njani?

Sakhuliswa gwenxa mhlawumbi; sibe sigwenxa ke ngokukholelwa ukuba uswazi luyamluleka umntwana!

Xa esithi masithethe nabo kungokuba ucinga ukuba sibatsibela ngoswazi singakhange sithethe nabo? Makube ubhanxekile ke ukuba ucinga olo hlobo!

Ndilingqina labahlohli ezikolweni ababebetha ngendlela engekho ngqiqweni. Abo bahlohli balenza mfiliba ikamva labaninzi ababaleka esikolweni ngenxa yoswazi.

Ndilingqina labantu abashiya isikolo ngenxa yoswazi. Babephambene ke okunene abo bahlohli; ukuthi besazi ukuba ngooLwezine siqala ediphini thina makhwenkwe kwaye ukudipha kuqalisa kwakukhanya, kodwa basibethele ukufika emva kwexesha esikolweni.

Kwakubhanxekile ukubethelwa ukungaqondi isifundo, endaweni yokuncediswa. Ngezi ndawo, nezinye ke ezininzi endingezigqibi khe ndazibala, ndizamana nokuveza indlela egwenxa yokusetyenziswa koswazi.

Ngako oko ukuba uswazi aluthi lusetyenziswe ngengqondo luyachitha endaweni yokwakha, njengayo nayiphi na ke into ethi isetyenziswe gwenxa.

Le mithetho karhulumente bekufanele ukuba ilwisana neendlela ezigwenxa zokusetyenziswa koswazi, hayi ukubhangisa uswazi.

Kuleya palamente simelwe ngabantu abathinjwe sisilungu, bafuna ukuba nathi sibe ngabelungu, nabantwana bethu sibakhulise ngesilungu.

Le nto kuthiwa masiyenze iyabasebenzela abelungu, unangoku ke uninzi lwabantwana babo bachubekile. Abethu bazalise iintolongo zeli lizwe.

Nabangekabikho kwixabiso lokuvalelwa kwiintolongo zesiqhelo bakhelwe ezikhethekileyo, iintolongo zabantwana. Ngokunokwethu ke umntwana okule minyaka yakhelwa iintolongo ezikhethekileyo uyintanga yoswazi, hayi yentolongo.

Kuyabonakala ke ukuba urhulumente ufuna ukuzalisa iintolongo zakhe ezikhethekileyo ngabantwana bethu, kungako elunyhasha nje uswazi. Abazohagu abantwana bethu, zona zilulekwa ngokuvalelwa ehokweni. Ngoswazi abantwana bayashenxa endleleni embi balunge, hayi ukuba bavalelwe.

Ndiva buhlungu ngamadoda nabafazi abanemizi neentsapho, abangamaXhosa, abasifundekela ngale ndlela yabo ibhanxekileyo yokuqeqesha.

Ndizibuza umbuzo wokuba inokuba banyanisile na okanye babhanxa nje thina! Mhlawumbi ababo abantwana benziwe ngomlingo, abalwaphuli uqeqesho, ngako oko abadingi swazi.

Okanye abazali babo babelusebenzisa gwenxa uswazi, babe baluzondile ke ngoko. Ukuba bakhuliswe njalo bona mabangacingi ukuba kunjalo nakuthi.

Uninzi lwethu lukhule uswazi lusetyenziswa ngendlela elulekayo, makungasingelwa phantsi ke oko. Besiyazi into ebethisayo, singayenzi.

Ukuthetha kuza kuqala ze kulandele uswazi akubonisa ubunjubaqa umntwana. Kuthiwa ke yile mpi kwaukubangxolisa abantwana yimpathogadalala. Arha maan! Umcenga ntoni umntwana ezicelela ngokwakhe nje uswazi?

Inokuba bethu sonke thina sikhule ngengqeqesho enoswazi nesixhamla iziqhamo zayo kungokunje siphambene?

Abona bantu babhadlileyo ngaba bashumayeli bale mfeketho! Kanti ke nehagu izincoma ukubhadla kanye ngeli xa isiya kokusese! Siyayazi into efanele abantwana, singomabhenxa sonke.

Le mithetho mayilungiswe sivunyelwe sihlangule abantwana bethu kulo mtyholi. Ziimfundiso zikamtyholi ezi kuthiwa masiqeqeshe ngazo. Kambe ke ingangoboya benja imithetho kamtyholi kwimithetho yeli lizwe, iphambene gqibi! Abantwana bajike bazizilo ezingaziwa mngxuma ngenxa yale mithetho.

Igcuntswana elikwaziyo ke ukwahlula okulungileyo kokubi maluqeqeshe abantwana ngendlela efanele abantwana, luzivale ngci iindlebe zalo kule mbanxo. Vukani madoda kusile! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba