Musani ukuxhalaba ngemveliso yeetapile

Musani ukuxhalaba ngemveliso yeetapile.

Umlawuli wePotatoes South Africa, uWillie Jacobs, uthi asikho isizathu sokuba baxhalabe abathengi nabathengisi beetapile kweli kuba zikho, kwaye zanele iitapaile eMzantsi Afrika.

Oku kusemva kokuba kuvakele inkxalabo kumafama wehlabathi malunga nomyinge weetapile ezithe zalinywa kunyaka ophelileyo.

UJacobs uthi ilizwe loMzantsi Afrika livelisa iitapile kwiindawo ezininzi ezahlukeneyo ngokungafaniyo nezinye iindawo zeehlabathi.

“Ziindawo ezilishumi elinesithandathu ezivelisa iitapile eMzantsi Afrika ngaphandle kokuphazanyiswa, oko kuqhubeka unyaka wonke, ngoko ke asinayo ingxaki yeetapile kweli,” kucacisa uJacobs.

Uthi xa kukho isithili esinengxaki malunga nemveliso yeetapile, kungeniswa iitapile ezisuka kwezinye izithili. “Abathengi beemveliso zeetapile mabathobe amaxhala asikho isizathu sokuba baxhalabe ngenxa yemeko yokunqongophala kweetapile ebonwa kwihlabathi,” utsho uJacobs.

Imozulu eguqukayo ngunobangela wokuqala weengxaki ezibangela ukuba imveliso yeetapile iphazamiseke kwihlabathi.

“Ukunqongophala kweetapile kubangela ukuba amafama avelisa iitapile anyanzeleke ukuba anyuse amaxabiso wawo ngelizama ukukhawulela umsebenzi wokuvelisa ezi tapile,” utsho uJacobs.

Ingxelo yakwaPotatoes South Africa ithi ingxaki yemozulu nezifo ezibangelwa yimozulu eguqukayo ngoyena nobangela weengxaki ezithi zinyuse ixabiso leetapile.

“UMzantsi Afrika utyala iitapile kumhlaba ongamashumi amahlanu anesibini amawaka weehektare, logama uvelisa amakhulu amabini namashumi amahlanu eengxowa ezinobunzima beekhologram ezilishumi,” kucacisa uJacobs.

Uthi nangona imveliso yeetapile ibihlile kunyaka ophelileyo, kulo nyaka kulindeleke ukuba linyuke inani nemveliso yeetapile eMzantsi Afrika.