#Muvhango: Ngubani uKonanani, efuna ntoni?

 

Umzala kaSusan, uKonanani Mudau ugalelekile eThathe
kule veki  esindwa yingxowa egcwele
intlupheko nokudandatheka komphefumlo.

UTakalani Phophi nguye odlala uKonanani, ofika
kwibhotwe leNkosi yaseThathe, uAzwindini
 Mukwevho ezokucela indawo yokufihla intloko
kwaye afumane nethuba lokwakha ubudlelwane obuqhawukileyo nonyana wakhe
(amkhulisileyo) uVhutshilo.

UKonanani beyinkosikazi kaRudzani Mudau, nothe umyeni
lowo asakhubhubha, usapho lamkhomba emnyango.

Ababhali nabadidiyeli beMuvhango basixelele oku
ngendima kaKonanani: 

Emva kokugxothwa emzini wakhe akube ebhubhile
umlingane wakhe, uKonanani uye wazola iminyaka egcine ingqumbo yokulahlekelwa
ngumyeni, unyana nekhaya elo.

Ekuqaleni, ubonakala ecwengile kwaye enombulelo
kuVhakwevho ngokumamkela. Kodwa ubumene-mene, ukunyonyoba nezicwangciso
zokwakha iyelenqe zihamba zibonakale.

Ufuna unyana wakhe (amkhulisileyo) abange ilifa
elilelakhe kwabakwaMudau.

UKonanani uzalelwe wakhulela eVenda kwaye wakhuliswa
njengentombazana ethobekileyo. Wothusa wonke ubani akudelela umyalelo
wokwendiselwa mzini uthile, ndaweni yoko wakhetha ukubalekela kuRudzani Mudau –
indoda ebeyithanda.

Abazali bakuva ngeso senzo bagqiba kwelokuba angaze
abuyele kubo akuhlatywa ngameva kweso sigqibo sakhe.

UKonanani zange afumane kuphumla kwaMudau nanjengoko
ilusapho olufumileyo, abe yena esuka kusapho olungathathi ntweni – ukungazali kwakhe
kwaphinda kwamenza wajongelwa ezinyaweni kodwa umyeni wakhe emthanda.

Konke oku kuye kwatswikila nangakumbi akube uRudzani
esweleka, unyana wathatyathwa kuye ebuyela kwikhaya lakhe lokwenene, waze
wohluthwa ilifa de bamkhuphela ngaphandle.

Kengoku zithini izicwangciso zokubuyisela okukokwakhe?



Ungaphoswa yiMuvhango kwiSABC 2 phakathi evekini
ngo-21h00.