Usihlalo ophumayo weDA eMpuma Koloni uVeliswa Mvenya, uthi nokuba kungakho iyantlukwano phakathi kwakhe nenkokeli yeli qela ephondweni ephumayo uAthol Trollip, sokuze litshintshe igalelo alenze kuye.
“Ningayingeni into yabantu ababini, ingakumbi ukuyingena ngeenyawo ezinodaka. Ndisebenze kakuhle kakhulu nobhuti [Trollip],” utshilo uMvenya.
UMvenya ebethetha kwinkongolo yeDA ebanjelwe e-ICC eMonti ngoLwesihlanu, ezekelisa ngeyantlukwano edaleke ngethuba ezigqatsela ukuba yinkokeli yeli qela ephondweni. Lo kaMvenya ukhuphisana noNqaba Bhanga, uceba weDA eNelson Mandela Bay. Abaxhasi bakaBhanga bebevuma amagwijo achasene noMvenya.
Noxa nje uMvenya esebenze noTrollip ukusukela ngonyaka ka-2000, uTrollip kukholelwa ukuba uxhasa uBhanga ukuba athathe iintambo zokukhokela iphondo. UBhanga ubeyinxalenye neDA ngonyaka ka-2014, emva kokucebuka kwiCOPE.
Kukho inxakamo kwamanye amalungu ombutho, okuba uBhanga akanakukhokela iDA kuba usemtsha.
Kodwa uTrollip ukuphikisile oko ngethuba ethetha nabathunywa bale nkongolo. “Oomafikizolo akufanele sibabhekisele phaya. Ukuba siyayenza lo nto, sibulala umbutho,” utshilo uTrollip ethetha ngesiXhosa.
UMvenya uthi uwusebenzele lo mbutho, ngoko ke ukulungele ukuwukhokela kuba uyawazi. “Bendisoloko ndingafuni ukuzigqatsa kuba bendifuna ukuqala ndibenamava kuqala. Ndinamava ngoku, futhi andizideleli,” utshilo ngethuba ethetha nephephandaba I’solezwe.
UBhanga uthi uwenzile umsebenzi wokugaya inkxaso, kwaye ukulungele ukukhokela umbutho. Iziphumo zabagqatswa abaphumeleleyo bazakubhengezwa ekuseni ngoMgqibelo.
Obelahlekile ufunyenwe edlwengulwe ebulewe kwigumbi likamzala