Mvenya: Ugqatso ndilulungele

Usihlalo we-DA eMpuma Koloni uVeliswa Mvenya

UTHETHA ngelizwi eligcwele imfudumalo nolwamkelo. Akathetheli phezulu, kodwa into ayithethayo ithi ndimamele.

Igama lakhe nguVeliswa Mvenya (48), ongusihlalo weDA eMpuma Koloni. I’solezwe limtyelele kwi-ofisi yakhe kwiNdlu yoWiso-Mthetho eBhisho kule veki. Sifika exakekile ziintetho zepalamente yephondo. Ukufika kwethu sibona umntu oneempawu zokudinwa kodwa uyakhawuleza ukuyivelela le nkalo singayibuzanga.

“Xa ukumbutho ophikisayo ixesha lokulala alikho. Uyakuthi ulele uqabuke sele kophulwe,” kutsho uMvenya, umama kwintombi eneminyaka elishumi elinesithandathu.

Owona mongo wodliwano-ndlebe yinkongolo yeDA ezakubanjelwa eMonti ngomhla wesihlanu nowesithandathu kwinyanga ezayo. Kule nkongolo, uMvenya uzigqatsela ukuba yinkokeli yephondo, isikhundla esishiywe nguAthol Trollip onguSodolophu waseNelson Mandela Bay.

Asingomsebenzi omncinci lo, kodwa le nkosikazi yakuNtseshe eNgqamakhwe ithi ilulungele olu xanduva.

“Ndiwulungele lo mceli-mngeni. Kuqala bendisoloko ndingafuni ukuzigqatsa, ndimyeka ugxa wam uTrollip ezigqatsa. Isizathu kukuba bendifuna ukufunda phaya kuye uTrollip.

“Ndiwufundile umbutho, ndiyalazi uxanduva endijongene nalo. Enye into ebendingayifuni yile yokuba kuthiwe ndifakwa kuba ndingumntu omnyama. Ndikhulile ngoku kwiDA, apho ndihamba khona kuhamba iDA futhi akekho namnye umntu onokundithandabuza,” kutsho uMvenya.

Uthi xa eyinkokeli yeDA, uzakuwuthatha lo mbutho awuse “kudumo” lovoto ngo-2019.

“Ngoku iDA isasilela kwindawo yephandle ebelisaya kwaziwa njengeTranskei. Abantu basemaphandleni, apho ndizalelwe khona, bafuna ukuqala bakuthembe phambi kokuba bakulandele. Abantu basemaphandleni bayandithemba,” utshilo uMvenya.

UMvenya usebenze iminyaka elishumi elinesithathu njengotitshalakazi ehlohla izibalo kuGatyana naseDutywa. Uxhome iintambo njengotitshalakazi ngo-2004 emva kokuba iDA imthume kwipalamente yephondo eBhisho kulandela ukuzibandakanya kwakhe kulo mbutho ngo-1999.

Indlela eyambangela ukuba azibandakanye neDA inika umdla.

“Bendingutitshalakazi kuMahasana kuGatyana, apho iinkonzo zazingekho. Ndandihlala ndizibuza ukuba kutheni le nto xa abantu bekude nedolophu, iinkonzo ziya zibhekela.

“Kwakungo-1999, apho ndathabatha isigqibo sokuba ndiye kumnxeba wakwaTelkom ndiyokufowunela * -1023 apho ndacela khona inombolo yeDemocratic Party (igama leDA ngaphambili) apho ndathi ndanikwa inombolo ye-ofisi kaTrollip. Ndafowunela uTrollip, sagqiba kwelokuba senze idinga lokudibana eWayside eGcuwa apho ndamxelela izizathu zokuba ndibe nomdla kulo mbutho,” kutsho uMvenya.

UMvenya uthi uyazingca ngendlela asebenzisene ngayo noTrollip. “Ndim owayesazisa uTrollip kwiindawo zephandle ebelifudula lisaziwa njengeTranskei,” utshilo.

Kule nkongolo, izakubanjwa kwiiveki ezimbini ezizayo, uMvenya uzakukhuphisana noNqaba Bhanga. UBhanga, ozibandakanye neDA ngonyaka ka-2014, ebefudula ekwiqela leCongress of the People.

UMvenya uthi uqinisekile ngeqela lakhe, nanjengoko zifinyeziwe iintsuku zokuya kwinkongolo.

Iqela likaMvenya liquka uTerrence Fritz okugqatso lokuba lisekela nkokeli, Lodewyk Gallant okugqatso lokuba lisekela nkokeli, Gustav Rautenbach okugqatso lokuba ngusihlalo, uCeleste Barker, okugqatso lokuba ngusekela sihlalo, Desmond Petersen okugqatso lokuba ngusekela sihlalo kwanoKobus Botha okugqatso lokuba ngusekela sihlalo.