Mvula mvula yiza nganeno!

KUTSHANJE ndikhe nde tsi gxada kweliya lakuthi, kwilali yaseTyekelebende eDutywa. Ukubuyela kweli Monti, ndisephaya elalini, ndidibene natata othile sakhe sathi ukuncokola, phofu ke incokwana.

Into ebesigxile kuyo, nexhalabise wonke umntu kula lali nakwezinye iindawo, ngumbandela wokunqaba kwemvula. Siyayazi sonke ukunqaba kwemvula ezilalini ngunozala wembalela. Imbalela ke ibangela ukufa kwemfuyo nokungalinywa komhlaba – izinto ezithi zibe sisigrogriso kukhuselo lokutya.

Ukubuyela nje umva kulo tata waselalini, utat’ uSukwini. Uthi kum: “Tshezi kudala siyicela kuMdali imvula, ayide ine. Ngamatyeli siyicela kodwa nkqi ukuwa phantsi. Kangangokuba ngoku sibona ukuba kufuneka sikhokelise la madoda angooMvulane akhe asincede ibe ngawo akhokelayo ekuceleni imvula, kuba siyeva ukuba banayo into edibene nethamsanqa lemvula.”

Ngeli xesha sithetha oku notat’ uSukwini kome kroqo, iigusha ziqhwaya ingca ngenxa yokunqaba kwayo.

Yonke le nto ibuyela kule ngxoxo siyonqena kunene okanye esingafuni kuzibandakanya nayo. Le ngxoxo yile yokuguquguquka kwemozulu (climate change).

Abanye abantu bathi le ngxoxo yeyabantu abathile, abanye bathi ukuthetha ngayo akuzujika kwanto.

Ngokufana nqwa nombandela wentswelongqesho, umbandela wokuguquguquka kwemozulu uchaphazela abantu abahlwempuzekileyo okanye abahlelelekileyo.

Kodwa yintoni umahluko phakathi kokuguquguquka kwemozulu kwanentswelongqesho? Umahluko ukwinkcaza kodwa xa sithetha ngefuthe lezi zinto zombini, siyafumanisa ukuba zombini ezi zinto zinefuthe elikrakra kuluntu.

Ukuguquguquka kwemozulu kwanentswelongqesho asiyongxaki edalwa ngabantu abahlelelekileyo, ubukhulu becala. Iinkampani zoongxowa zizo ezikhokelayo kweli dabi, lale mibandela mibini. Oku kungenxa yokuba ukuze kudaleke amathuba engqesho kufuneka sibone iinkampani zoongxowa ziveza amaqhinga obuchule bokurhwebesha ulutsha kwibhanti lengqesho.

Kwankqu nakumbandela wokutshintshatshintsha kwemozulu, kufuneka sibone iinkampani zoongxowa ziqweba amaqhinga okuqhuba ushishino olungaphazamisaniyo nendalo. Umzekelo ukusetyenziswa kwezixhobo ezingatshabalalisi indalo xa zibunile.

Kodwa noluntu ngokubanzi lunayo eyalo indima elinokuyidlala ukuthomalalisa ifuthe elibi lokuguquguquka kwendalo.

Apha eluntwini okuncinane kungaqala kumbandela wokujonga indlela esiyilahla ngayo inkunkuma, kuba xa ihlabathi lingacocekanga lo nto ithi idale ukufunquka kwamaqondo obushushu axakileyo nathi abangele ungcoliseko lomoya esiwuphefumlayo. Ungcoliseko lomoya lubangela ukuba saphukelwe yimpilo ngenxa yokuphefumla umoya ongekho empilweni.

IMpuma Koloni lelinye lamaphondo aneelali eziliqela kweli lizwe loMzantsi Afrika. Into ethetha ukuba abantu abaliqela bahlala phaya ezilalini, apho xa kungekho manzi akukho manzi ke.

Kwakhona iMpuma Koloni ineelali ezifuyileyo nezilimayo ukuze kubekwe ukutya etafileni. Xa ke imvula ingafiki ngexesha elindelwe ngalo, cinga ukuba bangaphi abantu abathi bakrunekelwe yimiphefumlo.

Endizama ukukukhanyisa kukuba ukuguquguquka kwemozulu yingxaki echaphazela wonke umntu. Into esinoyenza kukuvuma ukuba le yingxaki esikuyo ze emva koko siqwebe amaqhinga okuhlangabezana nayo.

Umzekelo, ezilalini umhlaba ukhona qha ingxaki kukuswela izakhono zokulawula indlela etya ngayo ingca imihlambi. Imihlambi yasezilalini itya apho ithanda khona igqibe yonke ingca, kodwa xa uya koongxowa ezifama indlela yokutya iyalawulwa. Zitya apha, kube kuvaliwe kwelinye icala. Xa ingathi iyaphela ingca kweli cala, ziya kwelinye, kushiyeke kuvalwa kwelinye icala.

Into embi ngokuguquguquka kwemozulu kukuba uninzi luswele ulwazi ngayo. Sibona kubalele okanye kufika iimpuphuma, kodwa asikwazi ukuzibuza ukuba kutheni kunjalo. Kuphinde kubekho iinkokheli ezingafuni kwauyingena le ngxoxo.

Nalo ijelo losasazo iCNN belibika kwiveki ephelileyo okokuba uMongameli waseMelika uDonald Trump uzimase ingqungquthela yokuguquguquka kwemozulu eNew York imizuzu elishumi elinesihlanu (15 minutes).

Ukuze siyiqhube kakuhle le ngxoxo yokuguquguquka kwemozulu, kufuneka siqale thina siyazi ukuba yingxaki echaphazela thina sonke. Emva koko kuyafuneka wonke umntu ukuba aye kuceba wakhe, ambuze ukuba manyathelo mani awenzayo njengomntu osemagunyeni ukunciphisa umbandela wokuguquguquka kwemozulu.