Mxhaseni ugqatso ukufutshane ekulufezeni

NGAMAPHONDO amathathu uThami Manganya (26) ehamba ngeenyawo ngeenzame zokunceda abantu abatsha abahlelelekileyo eMpuma Koloni kwaye ngoku sele ekufuphi ekugqibeni uhambo lwakhe – kodwa yona inkxaso uyicela nangakumbi.

Emva kokufulathela iWits eRhawutini ngentsasa yangomhla wamashumi amathathu kuCanzibe (30 May) ethabatha uhambo ngeenyawo lweentsuku ezingamashumi amabini, ngoku uManganya sele engene kwiphondo laseMpuma Koloni. Ngokwezicwangciso, uManganya uza kufika eDutywa ngomhla weshumi elinesibhozo kule nyanga (18 June).

Ushiyekelwe yimiganyana nje abekanti uyafika eDutywa. NgeCawe, emva kweentsuku ezilishumi elinesihlanu ehamba, umfanekiso wakhe uthatyathwe eLady Grey wabe esithi: “[Iikota ezintathu kwezo zine] 75% yohambo ndilugqibile. Siza kuba seDutywa ngomhla weshumi elinesibhozo”.

Thami Manganya UMFANEKISO: TWITTER

UManganya, wakuGamgam eDutywa, ukuhambo lweentsuku ezingamashumi amabini kwiikhilomitha ezingamakhulu asibhozo (800km) ukusuka eRhawutini ukuya eDutywa ngeenjongo zokonyusa ingxowamali yokunceda izikolo kwakunye nezemidlalo kwiilali zaseMpuma Koloni.

Eli qhawe, neliphumelele isidanga salo kwizifundo zobudlelwane kwezehlabathi kwakunye nezeendaba (International Relations and Media Studies) eWits kunyaka ophelileyo, lijolise ekurhwebesheni imali ekwi-R1.28 million ukunceda abafundi basemaphandleni kweli phondo.

Iinjongo zakhe kolu hambo, ngokwezemfundo, kukunyusa ingxowamali yokuthenga iikhompyutha ezingamashumi amahlanu kwizikolo ezilishumi zaseMpuma Koloni ukuze abafundi basemaphandleni babenolwazi kwezobuchwepheshe. Ukwajolise ekuthengeni iikhalityuleyitha ezingama-500, oobhaka abangama-500, iipere zezihlangu ezingama-250, iiphedzi (sanitary pads) kumantombazana aliwaka (1 000), iDatha kwanemali yokufaka isicelo seyunivesithi kubafundi bakaGrade 12 abangama-500.

Ngokwezemidlalo, uManganya ufuna ukurhwebesha iR200 000 yokuncedisa kwizixhobo zebhola ekhatywayo, umnyazi, iqakamba, umbhoxo namanqindi ukunciphisa ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi.

“Ukuqukwa kwezixhobo zokulolongela amanqindi (boxing gym), asiyonto yezemidlalo nje, kodwa yindlela (yokufundisa) ukuzikhusela. Amakhosikazi nabantwana, ngabona bantu bangamaxhoba odushe olujoliswe kwisini noxhatshazo. Ngokwale ndawo yokuzilolongela amanqindi, baza kuqeqeshelwa ukuzikhusela xa ubomi babo buphantsi kwesigrogriso,” utshilo uManganya kwimbalelwano.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa uManganya uthi emva kokujonga imeko abajongene nayo abafundi basezilalini, uhleli phantsi wacinga icebo. “Ndibone ukuba yintoni endingathi ndiyenze ukwenza umahluko, ndagqiba ngokuthabatha olu hambo,” utshilo uManganya.

Kodwa uManganya uthi uyayicela nangakumbi inkxaso ngokwezimali kolu hambo. AmaSamariya alungileyo angaphosa esivivaneni kweli phulo likaMangwanya ngokusebenzisa le akhawunti (Capitec) 1518703346. Inombolo yakhe ithi 063 368 1964.