‘Mzantsi Afrika thumani mna’-Ramaphosa

UMongameli Cyril Ramaphosa ePalamente

“Ndifuna ukuba khona xa abantu beqala ukujika izinto; xa besoyisa indlala. Ndifuna ukuba khona xa abantu besoyisa idabi likaGawulayo; ndifuna ukufaka isandla. Ndithumeni!”

La ngamanye wamazwi afumaneka kwingoma yongasekhoyo uHugh Masekela ethi ‘Send Me’, nasetyenziswe nguMongameli omtsha woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa ngethuba elebela intetho yakhe yobume besizwe ayenze kwiPalamente yeSizwe eKapa ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.

Le ibiyintetho kaRamaphosa yokuqala njengoMongameli welizwe, emva kokufungiswa kwakhe ngoLwesine kulandela ukuxhoma ibhatyi kobesakuba nguMongameli uJacob Zuma.

Okokuqala kwiminyaka efikelela kwisine, intetho kaRamaphosa iqhube ngaphandle kwamagingxigingxi. Kwankqu ne-EFF yembala ibizole ithe cwaka imamele le ntetho. Inkokeli ye-EFF uJulius Malema ebemana ukuqhwaba logama  uRamaphosa ebesenza le ntetho.

Ezinye zezinto ezibangele intlokomo kwintetho kaRamaphosa ziquka ezi:

-Ingqungquthela yezemisebenzi kwezi nyanga zizayo;

-Inkomfa yabatyali-zimali beli lizwe nabo behlabathi kwezi nyanga zintathu zizayo;

-Inkonzo yengqesho yolutsha kwinyanga ezayo;

-Iqela lokujongana nengqesho yolutsha;

-Ibhunga lezoqoqosho lokucebisa uMongameli;

-Ukwehlisa inani lekhabhinethi yesizwe;

-Ukuphandwa nokukhonjwa kwabo benza ubuqhetseba nobuqhophololo;

-Ukubanjwa kwamasela atya imali yombuso.

Ezi nezinye azibaluleyo, uRamaphosa uthi uMzantsi Afrika wenza iqalo elitsha elingumfuziselo wesizwe esikwimvuselelo.

“Kukho ithemba kubantu bakuthi. Abatyali-zimali bayalubona utshintsho kwilizwe lethu. Oongxowa beebhanki zehlabathi bancumile, babona indawo yokutyala imali kweli lizwe.

“Okufunekayo kukuba sisebenzisane sisonke ukuze siphuhlise iimpilo zabantu bakuthi. Ukwenza oku, kuza kufuneka sithabathe izigqibo eziqatha zokuqinisekisa ukuba umsebenzi wemvuselelo yeli lizwe uyafezeka,” utshilo uRamaphosa.

Ukuxoxwa kwentetho kaRamaphosa ngamaqela ezopolitiko, kuza kuqhutywa ePalamente ngoMvulo.