Naba oomasipala baseMpuma Koloni abaneencwadi ezicocekileyo

UMphicothi ziNcwadi jikelele uKimi Makwetu.

  

OOMASIPALA abasixhenxe baseMpuma Koloni, kuquka namaqumrhu amathathu ee-arhente zophuhliso, bafumene iincwadi ezicocekileyo (clean audit) kwingxelo ebhengezwe ngoLwesithathu nguMphicothi ziNcwadi jikelele uKimi Makwetu.

 

UMakwetu ubhengeze le ngxelo yonyaka-mali ka2015/16 kwinkomfa noonondaba kwisixeko sasePitoli.

 

Oomasipala abafumene ingxelo yeencwadi ezicocekileyo yiJoe Gqabi, Engcobo, INgquza Hill, Matatiele, Nyandeni, Senqu noMzimvubu. Kwicandelo lee-arhente zophuhliso, iMandela Bay Development Agency, Chris Hani Development Agency neNtinga OR Tambo Development nazo zifumene iincwadi ezicocekileyo.

 

Oku kuthetha ukuba oomasipala abangamashumi amathathu anesibhozo eMpuma Koloni, abazifumenanga iingxelo zeencwadi ezicocekileyo.

 

UMakwetu utyibele umasipala waseNgcobo esithi ungumzekelo worhulumento olucocekileyo nolusekezelwe kuphuhliso loluntu. “Iyasikhuthaza kakhulu into yokubona urhulumento olucocekileyo kumasipala waseNgcobo apho sibone ukuba iinkqubo zezicwangciso zohlahlo lwabiwo-mali zisenziwa ngendlela eyonelisayo,” utshilo uMakwetu.

 

UMakwetu uthi umasipala waseNgcobo ukwazile ukuchitha imali engange-R8.5 yezigidi zeerandi yofakelo-mbane ngendlela esemgangathweni, kwaye kwankqu nomsebenzi lowo ugqitywe ngethuba obuqingqelwe lona.

 

Kusenjalo uMakwetu ugxeke umsebenzi wesigaba sesihlanu (Phase 5) wokulungiswa kwesitalato iFleet eMonti esithi ungumzekelo wobubhutyubhutyu bomsebenzi ongakhathalelwanga.

 

Kulo msebenzi, ngokokutsho kukaMakwetu, unokontraka wokuqala – okwanyanzeleka ukuba atshintshwe ngenxa yomsebenzi ongekho semgangathweni – wahlawulwa iR11.3 yezigidi zeerandi kodwa wawushiya phakathi lo msebenzi ze umasipala waseBuffalo City wahlawula enye imali engange-R15.7 yezigidi zeerandi kunokontraka wesibini.