NAF: Izigidi zikarhulumente kuMnyhadala wezobuGcisa

Imiboniso kwiqonga leNAF

URHULUMENTE weMpuma Koloni uzibophelele ukuxhasa uMnyhadala wezobuGcisa kaZwelonke nakulo nyaka, nangona nje uqhutywa ngohlobo lobuxhakaxhaka bala maxesha (virtual) ngenxa yemiqathango yokuqelelana kwabantu ebangelwe yintsholongwane ikhorona.

Lo mnyhadala, oqhele ukubaseMakhanda kwiMpuma Koloni rhoqo ngeli xesha enyakeni, uvulwe ngokusesikweni kwiveki ephelileyo.

Ethetha ngethuba kuvulwa lo Mnyhadala, uMphathiswa wezobuGcisa eMpuma Koloni uFezeka Bayeni uthi urhulumente uxhasa lo mnyhadala nanjengoko ukhuthaza ubuchule kumagcisa.

UBayeni uthi olu hlobo kuqhutywa ngalo lo mnyhadala kulo nyaka luthetha ukuba umsebenzi wamagcisa uza kufikelela kwihlabathi.

“Ukusebenza ngonxibelelwano lomnatha kufuna sisebenze nangakumbi, umzekelo, umchweli oseChris Hani, ngoku uza kuba nethuba lokuba umsebenzi wakhe ubonwe, mhlawumbi uthengwe kwamanye amazwe,” kutsho uBayeni.

UMphathiswa uBayeni wongeze ngelithi, urhulumente uyaqhubeka nokubonisa inkxaso kulo mnyhadala kwaye ugalela ngaphaya kweshumi elinesithathu lezigidi ukuxhasa ezobugcisa, ingakumbi ubugcisa basephondweni.

Lo mnyhadala (Virtual National Arts Festival /vNAF) kulindeleke uqhube iintsuku ezilishumi elinanye. Kulo nyaka wama46 uqhuba lo mnyhadala, kokokuqala uqhutywa olu hlobo.

Ingaphaya kwama270 imiboniso eza kuboniswa kwezi ntsuku zilishumi elinanye.

Le miboniso iquka umculo weJazz, imixhentso, iifilim nefashoni.

INational Arts Festival yasungulwa nguNjingalwazi

Roy Sargeant noNjingalwazi Guy Butler ngo1974.