#NAF2017: Umdlalo weqonga ophekwe eBhayi, uya eRhini!

Iqela labadlali kumdlalo weqonga othi Themba's Dream

IBALI elikhuthaza abo baselula ngelithi ”Imvelaphi yakho mayingabi sisigwebo sendlela oyihambayo” lizakube liboniswa ngqo kumnyhadala wezobugcisa waseRhini -iGrahamstown National Arts Festival ka2017.

Lo mdlalo weqonga obizwa Themba’s Dream, ubalisa ibali lenkwenkwana encinane egama linguThemba, owayenephupha lokusuke akhwele inqwelo-moya antingele emajukujukwini, ashiye iingxingongo neengxaki zelokishi yakhe ngasemva.

Nanjengokuba eme eluthangweni, ejonge isikhululo seenqwelo-moya saseBhayi, emva kwakhe ngamabobosi kwakunye noninzi labantwana belokishi yaseWalmer abaphelelwe lithemba, nababone amaphupha wabo etshabalala phambi kwamehlo abo.

Umbuzo kengoku ngowokuba, ingaba uThemba uzakulifezekisa eli phupha analo okanye imvelaphi yakhe izakumthintela ekulifezekiseni?

Lo mdlalo weqonga, nobaliswa ngabantwana besikolo eBhayi, uquka abadlali abali-13 nekwayala [ musical play ].

UXabiso Zweni, inzalelwane yaseSomerset East eMpuma Koloni nesele izinze eBhayi nebhale lo mdlalo, uthi olu luhlobo lokuthetha nomntu omtsha onephupha ngelithi, akukho nto iza lula kodwa kufuneka uyazi ukuba ngeny’ imini liyakufezekiswa iphupha onalo.

UZweni, naye okwangumdlali kwimiboniso yeqonga esele eboniswe amatyeli amaninzi kulo mnyhadala, uthi befuna into abadlali abanokuzoyamanisa lula nayo.

“Kulo mdlalo kuthethwa ngelokishi yaseWalmer enesikhululo seenqwelo-moya kodwa babe abantu bakhona bengaphangeli kuso.”

UZweni uthi lo mdlalo uzele yimfundiso, umculo neendawo ezihlekisayo.

Ubambe ngazibini kwiMasifunde Learner Development yaseWalmer exhasa lo mboniso wakhe weqonga.

Zibekele indawo ukuze uzibonele iThemba’s Dream eMasonic Front eRhini ngowe-6 ukuya kwi-8 kweyeKhala 2017