Nangoku uNtsikana wayengumngcatshi wexoki

Ndiphakanyiswa linqaku likaTshatshu, umfo kaMakuliwe lomhla we-15 kule yeSilimela 2017, elinesihloko esithi , “AmaXhosa ayebusila kwasendulo utywala.”

Kuba ndivumelana nolo luvo andizukuchitha ixesha kulo mba noxa ndisahluka apha naphaya kuye, koko ndifuna nje ukumkhuza kule nto ekubonakala ukuba uzimisele kuyo- ukugxibha, anyembe nabani na ozakuzela ubunganga benkolo kaNtu.

Ngethamsanqa, ndandiwuzimasile la msitho abhekiselela kuwo, kwaye emva kokubona eli nqaku ndimtsalele umnxeba ndisabela ukuba ubhekisa kubani xa ethetha ngamalungu, “entshukumo entsha ekuthiwa yinkolo kaNtu”. Eneneni ubhule esele umntakwethu, kubonakala ukuba akabazi naba bantu abhekisa kubo, koko uqhutywa ngumsindo nenzondo kubantu abazakuzela iNkolo kaNtu.

Nazi izinto endifuna ukuzibangula kwela nqaku nanjengoko ndenzile kumntakwethu emnxebeni:

1. Okukuqala la msitho ubukhwetywe liphephandaba I’solezwe libambisene nequmrhu iSteve Biko Foundation, hayi “intshukumo yenkolo kaNtu.” Izithethi ezibini ezazinika intetho enomsoco nephilisayo zazingasuki “kwintshukumo yenkolo kaNtu”.

2. Okwesibini iNkolo kaNtu ayiyonkolo yesiXhosa, koko iquka wonke umntu ophuma kumnombo kaNtu, kuquka nam naye singabaThembu.

3. Esintwini asinayo into/umntu ekuthiwa ngumprofeti, kwagama eli lelemboleko.

4. Makhe sijonge lo Ntsikana axolele ukujinga iliso ngaye uTshatshu: a) Imbali ithi uNtsikana uzelwe ngo 1760 (abelungu aba “aprofete” ngokuza/ ukufika kwabo, bafike ngo1652 – uzalwa sele beneminyaka eli-108 bekho.) b) Ngonyaka ka-1815 waguqukela kubuKrestu – emva kokudibana namamishinari afana noKemp, Read no William. c) Ngoku eguqukela kubuKrestu, “iintlanga ezizayo”, besele zineminyaka eyi-163 zikho. d) Emva koko waqala uku “profeta”, esithi, “kuneentlanga ezizayo, eziphethe iqhosha elingenantunja nomqulu.” (ndakunaba ngenye imini malunga nenkqatho yokwamkela umqulu endaweni yeqhosha elingenantunja).

5. Ingaba ubani kufuneka abeyinjingalwazi yembali phambi kokuba abone ukuba yonke le nto kaNtsikana bubuxoki?

6. Umbuzo uthi yintoni ebangela okaMakuliwe alwe abebomvu xa kusithiwa uNtsikana wayelixoki?

7. Kwenye yeencwadi zakhe okaMakuliwe uncoma, etyibela indima eyadlalwa ngu “mprofeti” uNtsikana. Ingaba ke ngoku xa ebhentsiswa njengexoki nomngcatshi wesizwe umfo kaGabha, lo nto ayigaleli amanzi abandayo kumsebenzi kaMakuliwe?

Esi siqwengana singentla siyityhila kakuhle imbali kaNtsikana kwanabo bamkhahlela bembonga njengo “mprofeti”. Umngcatshi akajiki abeliqhawe ngosuke abhubhe, nakuNtsikana ke iyakuhlala injalo.

Mhlawumbi liyinene elithi umngcatshi wesizwe uliqhawe kutshaba leso sizwe asingcatshileyo, umlesi uyakuzigwebela ukuba ngowuphi kanye-kanye, “ofuthelwe kakhulu sisilungu, ubuntwana, ingqobhoko, ubukrestu, isikolo, nobupolotiki”, phakathi kwaba babona uNtsikana njengexoki naba bambona njengomprofeti owanceda isizwe esimnyama!

8. Intshukumo yeNkolo kaNtu endiyaziyo ikhwebela ukubuyela kubunganga beeNkosi neeKumkani zendlu emnyama, kuba kaloku kukuphela kwendlela eyakuthi imiselwe ngokugqibeleleyo ngayo iNkolo kaNtu.

9. Kule “yokuthelekiswa konqulo lakwaNtu nolwezinye iinkolo,” eneneni asinto yakwaNtu leyo. Kodwa ke ubani akakwazi ngakwenzi oko kuba kuqala zona kanye ezi nkolo ukugxibha unqulo lakwaNtu, ubeve besithi iZinyanya ziidimoni.

Uve besithi ongaguqukiyo uzakutshiswa nguSathana esihogweni. Lawo ngamazwi asetyenziswa xa kusoyikiswa abantu kufunwa bahlambe ububona kanye oku kukaNtsikana.

Esintwini asinadimoni, sihogo okanye sathana. ngamafutshane asingeni ndawo, thina nangoku bakutshisana bodwa abo banenkolo enedimoni, isihogo nosathana kwisigama sayo.

10. Andiyazi yintoni le imkhathazayo umntakwethu xa kutyhilwa ezi nyani abantu bafuna ukuzazi ukuze bagqibe ukuba babuyela kwimveli okanye balandela uNtsikana?

*uMonde Ciko (uTshatshu), itsha-ntliziyo leNkolo kaNtu