Nanku uMiss Buffalo City 2016/17

Abaphumeleleyo koonobuhle beBuffalo City Carnival Buhle Bhakhe Rhunqu, Kamoelo Mpandla, Mawethu Nicolas Marata (uceba), Zuko Xauka, Vuyokazi Ntanda (umququzeleli), Buhle Bakhe Rhunqu (Miss BCM 20115/16), Zimkhitha Reddy, Thokozile Booi kunye noMihle ApleniUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

Ibiphuphumala kukuzala iMdantsane City eNU6 ngoMvulo ngabantwana kunye nabazali kwiBuffalo City Carnival, apho bekukhutshiswana ngobuhle konwatyelwe umculo kaLilitha, uBerita kunye noZahara.

Lo msitho ubuququzelelwa nguVuyokazi Ntanda osebenzela iBCM. “Ndithanda kakhulu ukusebenza nolutsha olusakhangela isakhono, kuba nam selendisuka kule ndlela bayihambayo. Ndifuna eyabo indlela ingabinzima, kwaye ndizakuqinisekisa ukuba aba baye baphumelela, ndizakubalandelela bade bafumane impumelelo kwizakhono zabo,” utshilo uNtanda olilungu leGirl Talk East London nongumseki weFeed a Hungry Child.

Umfundi kaGrade12 kulo nyaka, uThokozile Booi, uphumelele indawo yokuqala njengoMiss BCM 2016/17.

“Oonobuhle, asiyonto eveza ubuhle bokumila kakuhle komzimba, ubuso obuhle nokwenza i-catwalk kuphela. Ewe buyakuquka oko, kodwa kufuneka umntu abenamaphupha, aqiqe, abengumzekelo omhle, abenemisebenzi ebonakalisa ukubayinkokheli ekuhlaleni. Mna, ndinqwenela ukuba nguMiss S.A kwaye kulo nyaka uzayo ndizakuya kukhetho eBhayi ndiyokulifezekisa iphupha lam. Abazali bayandixhasa kakhulu kwaye, bafuna ndifunda kuba yimfundo kuphela enokundenza ndigqwese futhi ndiqaqambe,” utshilo uBooi.

Ibilityeli lesithathu eli kusenziwa uMiss BCM kwaye kweli tyeli lo msitho uthabathe ithuba elide kunangaphambile, kulo nyaka uzayo umququzeleli uthembise ngelithi zonke iDolophu zeBCM zizakuxhamla.