Nank’uValentina

UNGANGENI ANDINXIBANGA

NGUSIMPHIWE NOLUTSHUNGU

NANK’ UVALENTINA

Thando ndini

Utya iimfele zezinja

Uhlafune ubuze beengcambu

Uginye amasele

Uqongqoloze amanyala

Ufake konke

Ukhuphe konke

EWE kanye kuloo mlomo wakho ufune mna ndincamise elo vumba

Thando ndini!

Simphiwe Nolutshungu, Iingcango Zentliziyo, 2014

Minyaka le olu suku akusathethwa kakhulu ngalo nto nje kuyenziwa, akumiwanga kuyaqhutywa.

Lada labaxeka nexesha eliye lachithwa kuzanywa ukuhanjiswa ze imbali yolu suku kodwa ke nokuba imbali yalo ibeleke ntoni, qiniseka ukuba ngolu lona usuku uthando lutshotsh’ entla okwenyanga ebusuku.

Kwaye ke qho unyaka uqingqa ngale yona inyanga ingakumbi ke ngolu suku imikhinkqi yothando iyakhwelela kusale umxhelo omangalisayo wothando ngaloo mini. Kodwa mna ndedwa (mhlawumbi ke nabanye) abangqondo zingqisha phantsi njengamaqaba aqwabululu, hay’ andingeni tu kulo wona umdlalo kwaye ke andiqalisi nokuwubukela oku. Ndisuke ndifihle amehlo am ndandule ke nokuvala intliziyo yam kwakugaleleka lona olu usuku.

Ndizibuza nje ngaphakathi ukuba kanene kutheni na ngoku ndiza kukhunjuzwa lusuku oluthile ukuba mandithande kakhulu kwaye ke aluthethi nam ndedwa koko luthetha nathi sonke ukuba ngale yona imini kumele sithande (siyafuna asifuni).

Ukuthanda ke kuhamba nezinto ezininzi ekumele ubani azenze, phakathi kwazo ke iza kuba kukuncamisana, wena kubambana ngoocikicane, maxa wambi kuthethelwe phantsi kodwa ke kuyo yonke loo nto kuyanyanzeleka ukuba nabani na ojongileyo abone uthando.

Noba ke ngaphakathi akulelanga lona, kungqengqe iinzondo nokungaxoli, kodwa le yona imini ubani unyanzelekile ukuba uyaliphokoza noba ulisenge phi, makeze nalo silubone.

Itsho le nto indikhumbuze isimilo sabanye abantu abakholwayo, abaya kuthi apha ezintsukwini zeveki baziphathe kakubi kodwa ngosuku lokukhonza ungehla unyuke phezu kwakhe, umxangxatha, kodwa kwakuphuma iNkonzo uzame ukuqelela kuye kuba kaloku oyena mntu uza kubonisa amaqhekez’ engqele.

Kaloku ebesazimasile ngokuya nokuziphatha kwakhe bekuncamisile, elungiselela imeko. Kodwa ke oyena yena mntu ngulo ukujameleyo emva kwenkonzo. Nantso ke neValentina yakho ibagoba sele bebadala.

Kodwa ke inokuba kwabanye iyabasebenzela, mhlawumbi iyavuselela ze kuthi nokuba iingxabano bezime ngeenyawo athi akufika uValentina zikhothame, qha andazi ke xa ephinde wateleka ukuba ziye zihlale zingqengqile na.

UValentina ke uyawathanda amehlo kakhulu kuba yonke into eyenziwa ngaba bathandanayo kumele amehlo abanye abantu aqhwabe izandla emana ke esithi: ‘Ncooo’ akakholwa ke kukufihlwa uValentina lo kumele abe pha etshatshalazeni ekhatshwa kukusondelelana noncumo kwenzele ababukeleyo batsho ngokwenene ukuba aba babini hay’ ngokwenene bayathandana mona phantsi.

Nezipho ke nazo kumele zinyuke itafula, nempahla nayo ke mele ibe yileyo inqwala kumculo wothando nokuba yonzakalise ipokotho yendoda, isale ngomso ibambe ngaphambili.

Ngamanye amaxesha ke uyakufumanisa ukuba xa ubalandelela aba babini, iingcango zivaliwe noValentina esathe tshalala apha ekhaya, akukho lonwabo tu kwaye iyaphela iveki abantu bengathethi yeka ke ukusondelelana.

Ukuphoxakala kweminyaka nezingqala zobusuku nemini zimile iingcambu engahexiyo emiphefumlweni yabo kodwa ke kunjalo nje ngale yona imini makuphunywe phandle, phakathi kwabantu senze ingathi konke kulungile. Kwenzele ke naye uValentina ase ingxelo encumisayo ezinkwenkwezini zothando.

Xa uwedwa iingcango zivaliwe, awuqhathi mntu kwaye inyani uyayazi, nditsho nexesha lokuhleka nokulila xa uwedwa awuthunywa koko uyaziyela. Ikwayintliziyo yakho eyaziyo ukuba kanene eneneni wena uthanda bani kanye kanye, ingangabinguye lo okanye lona kanti ngulowa.

Mhlawumbi ke abanye bangangaluthandi olu lona usuku kuba ke uthando ngenye imini okanye kwangale mini lwakha lwabathatha latsho ukubajula kude le apho kunqabe uncumo nokwangiwa, ngoku ke oko babelahlwe apho alukabuyi luzokuba phuthuma. Basahleli apho ke abanye babo bayeka nokulinda ibuyambo yothando, bazihlelele nje bethu bemana nje ukuncuma bodwa bezama ukuzithuthuzela.

Kodwa ke yonke into ebomini nasezimpilweni zethu ihamba nokunyaniseka kwesiqu ngasinye nokuthi xa uphosa iliso ngaphandle komzimba wakho ingaba ubona ntoni na kwaye koku ukubonayo kungakwakha na okanye kungakekelisa ukuphila kwakho.

Yile nto ke xa kunamhlanje kukho abantu abahleli emitshatweni okanye ke kuloo nto kuba besenzela nje abantu bangabahleki, omnye ke uyakwazi ukuhlala apho nakuloomtshato kuba ecinga ukuba lo mntu bendisuka kuye angahleka alale xa ndinokunyawuka apha emtshatweni okanye kolu thando. Ahlale ke phezu kwaloo meva amana esithi xa ephakathi kwabantu azincumise engayekanga ukuncokola ngesithandwa sakhe, kanti ngaphakathi asiyomfazwe iyavutha.

Uthando xa luqala luba njengoValentina kanye lo, kodwa phaya phambili nabani na uye abone ukuba nalo mntu naye ngumntu ofana nomntu.

Xa kutshatwa kuyaculwa kube mnandi kube njeya, kodwa xa kusahlukwana akubikho bani wokuhlabela, nazidlo ezimnandi futhi nabahlobo nabo basithele ngaphaya.

Kusuke kugqame nje imibuzo yokwanyelisana efana naleyo ubani angayibuza ukuba kanti kwathi kanti nditshate nabani okanye ndithandana nabani kuba la mntu mna endadibana naye ngala mini ndiyakuxelela soze kuthi kanti nguye lo.

Kunga ke kwabo bakholelwa kuValentina angafika nje asuse oko okanye abulale ezo ntetha kodwa ke ixhala linye nje kuphela.

Emveni kokuba uValentina eye wakhwazwa ngumama wakhe ( ukuba makabuye kuhlwile ngoku) ezinzulwini zobusuku.

Kosala kuqhubeka ntoni na eluthandweni? Zinga zingangazali iintilongo namangcwaba ngenxa yothando.

Andikhathali ke nokuba uthando olu lumuncu okanye lunencasakazi engakanani kodwa uncede UNGANENI ANDINXIBANGA!