Naptosa: Titshala jongeka njengekamva

UMongameli kazwelonke kwiNaptosa uNkosiphendule Ntantala ethetha eMonti

UKUZE ikhondo lootitshala lihlale lihlonitshiwe, kufuneka ootitshala baziphathe ngendlela ekhuthaza umzekelo nentembeko ebantwaneni – futhi bajongeke njengekamva – ngokokutsho kukaMongameli weNaptosa uNkosiphendule Ntantala.

UNtantala ebethetha kwinkomfa yephondo kwihotele iOsner eMonti ngempelaveki, apho lo mbutho ubudibene, kuxoxwa ngemiba echaphazela ikhondo lobutitshala. Abathunywa beNaptosa (National Professional Teachers Organisation of South Africa) bathe bayizimasa le nkomfa.

UNtantala uthi uninzi lootitshala abaphantsi kweNaptosa, bakhokelisa umntwana phambili kuyo yonke into abayenzayo.

“Ngoku bendithetha eqongeni undivile ukuba khange ndiyalele ukuba ootitshala mabanxibe kanjani, kodwa okubalulekileyo yinkangeleko ekhatshwa sisidima nentembeko xa utitshala ephambi komntwana. Utitshala makohluke xa esiya emsebenzini, angafani naxa esiya elwandle eyokuzonwabisa,” kutsho uNtantala.

UNtantala uxelele intloko yesebe lezemfundo eMpuma Koloni uThemba Kojana, obezimase le nkomfa yeNaptosa, ukuba xa isebe linganootitshala abathe xhaxhe abaphantsi kweNaptosa, iingxaki ezambethe eli sebe zingayinto yezolo.

“Utitshala olilungu leNaptosa uyayazi ukuba phambi kokuba aye esitalatweni, xa kungavisiswana nomqashi, asiyonto ekuqalwa kuyo leyo – ifanele ukuba ibeyinto yokugqibela.

“Ngaphezu koko ke, injongo yethu ephambili likamva lomntwana. Kwizikolo apho kukho amalungu eNaptosa aliqela, ufika kukho uzinzo ngenxa yendlela la malungu ethu aziphatha ngayo emsebenzini nangaphandle,” kutsho uNtantala.

Uthi kwiNaptosa, umbandela wokuba ukowuphi umbutho wezopolitiko asiyonto ephambili, into ephambili yimicimbi enxulumene nokuba usebenza njani utitshala esikolweni.

“Lo nto ayithethi ukuba asinawo amakhaya ethu ezopolitiko, kodwa xa sidibene siyiNaptosa sithetha ngekamva lomntwana kwaneemeko abasebenza phantsi kwazo ootitshala. Kwankqu nesebe lezemfundo, kwilizwe loMzantsi Afrika jikelele, liyayazi ukuba asikhokelisi ipolitiki thina kwaNaptosa,” utshilo uNtantala.

UKojana uthi emva kokuba engene kwesi sikhundla sakhe ukhe wabamba indibano neNaptosa apho kwavunyelwana kwelokuba makubekho uzinzo kwizikolo zephondo.