Nasemva kweentsuku ezili-16 idabi lempatho-gwenxa liyaqhubeka

USodolophu kamasipala waseNdlambe uPhindile Faxi kunye nenkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumullo Masualle nomphathiswa wesebe lophuhliso loluntu uNancy Sihlwayi kwisuku lokuvala ishumi elinesithandathu zeentsuku zokulwa nokuxhatshazwa kwabantwana nabasetyhini. Umifanekiso: Buziwe Nocuze

Ibimi ngembambo iholo yoluntu yaseNdlovini, iTiti
Jonas ngethuba inkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle negqiza lakhe
bezokuvala iintsuku ezilishumi elinesithandathu, zokuqaphela ukuphathwa
gadalala kwabantwana nabasetyhini.

UMasualle uthe nangona kubalulwa abasetyhini
nabantwana kuphela, ikhona nembinana yamadoda ephathwe gadalala. Uqhube wathi, “Eyona
nto sijonge kuyo kukwehlisa inani labantu abaphathwa gadalala ingakumbi
abantwana nabasetyhini abangakwaziyo ukuzilwela.”

Ukwavakalise ukuba urhulumente akuzuvala kuba ukuxhatshazwa kwabantu kwenzeka yonke imihla ekuhlaleni.

“Asikwazi kuvala kube kusekho abantu abalala
beqamele ngeenyembezi kwaye kusekho abantwana abohluthwa ithuba lokuba babe
ngabantwana,” utsho uMasualle.

Ukhuthaze intsebenziswano, kwanokupathiswana
kwidabi lokuphathwa gadalala kwabantwana namanina wathi, xa abantu kunye
norhulumente bebambisene bangayilwa de ibeneziphumo nezibonakalayo into
yokuxhatshazwa kwabantu.

Uchaphazele umba wezindlu zikaxakeka, (War Rooms) esithi
iimeko ezikumila kunje kufanele ukuba zishukuxwe kuloo magumbi, kuba izakuba ngumsebenzi
wawo ukulwisana nezinto eziqhubeka ekuhlaleni.

“Impumelelo iphakathi koluntu norhulumente
ngako makubekhona intsebenziswano ukuphucula iindawo uluntu oluhlala kuzo,”
itshilo inkulumbuso.

Uvakalise inkxalabo ngokukhululwa msinya kwabo bajongene nezityholo zalo mkhuba. 

Aba
bantu bamoshayo, bamosha ngoku bavalelwe kodwa kungekudala siphinde sibabone
behamba ekuhlaleni okungathi abenzanganto,” utsho uMasualle.

 UMasualle uthe umthetho mawube ngqwabalala kakhulu kwabo
baphatha gadalala abanye, khon’ ukuze izinga lehle.

UDan Mbumba obethethela abahlali uthe indawo
yasePort Alfred igutyungelwe kakhulu yingxaki yeziyobisi eziba ngunobangela
wokuphathwa gadalala kwabantu.

Uthe bengabahlali bacela ukwakhelwa iziko lemfundo eliqeqeshela izakhono lifundise abahlali bale ndawo nanjengoko uninzi
lungaphangeli.

“Uninzi lwabantu luzibona sele lusenza izinto
ezingalunganga ngenxa yokuba banexesha elininzi ezandleni abangalisebenzisi
ngokufanelekileyo. Xa kunokubakhona isikolo siyazi lingehla izinga lokuphathwa
gadalala kwabantu,” utsho uMbumba.

UNomsisi Batha osuka kwiziko likamakulinganwe
ngokwesini (Gender Equality) uthe, akukho xesha lokuphumla kweliziko nanjengoko
iingxaki zokuxhatshazwa kwabantu zenzeka yonke imihla. 

Uqhube wathi, “Siyangena
ngoku nasezinkundleni zamatyala ukuzama ukufumanisa owona nobangela wokuba
abenzi bobubi baphume ngokukhawuleza eluvalelweni.”

Usodolophu kamasipala waseNdlambe uPhindile Faxi
uthe bazakuncedisa ukulwa nalo mkhuba kule ndawo.