Nawo amakhwenkwe ayakufuna ukukhuthazwa nokukhathalelwa!

UHlelokuhle Bikitsha (17) ophumelele njengeKumkani yesizwe samaXhosa kuMr and Miss Indoni 2022/2024 eICC eDurban eKZN ngoDisemba ka2023 ekunye noMiss Xhosa Indoni uInako Mateza. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Abantwana abangamakhwenkwe ngabo abaye babekelwe bucala xa kukho amaphulo okwakhwa kwanokukhuthaza abantwana abangamantombazana, babe nabo abangamakhwenkwe bezidinga iinkqubo ezinjalo kuba nabo bajongana nemingeni xa bekhulayo. Amaxesha amaninzi kugxilwa kumaphulo asoloko engoo ‘A Girl Child.’

UHlelokuhle Bikitsha (17) nowenza uGrade 11 eLittle Flower S.S.S wendawo yaseMbentsa kuQumbu noye wafumana isicoco sokuba yiKumkani yesizwe samaXhosa kukhuphiswano lukaMiss and Mr Indoni 2023, uthi uzakugxila kumaphulo azakuthi ajongane nabantwana abafana naye abangamakhwenkwe ukuze baphuhle kwaye bakwazi nabo ukufana naye.

UBikitsha uqale ukungenela iNdoni ngo2022 ngokutsho kwakhe apho aye waphumelela indawo yokuba yiNkosana yamaXhosa njengoku efumene isicoco sokuba yiKumkani.

Into emenze ukuba angathezeki mandla kolu khuphiswano kukuba kudala warhalela ukugqama elizweni nje ngomzekelo omhle kwabanye abantu kungakumbi ke koogxa bakhe.

UBikitsha uthe, “Ndifuna ze bazeke emzekweni kuba ndisazakuwuhlahla umkhomba ndlela njengeKumkani. Ndingathi ke koogxa bam zebangabi yinxalenye yezinto ezingalunganga eziza kubafaka entolongweni.

“Nabo mabazityande igila bangenele olukhuphiswano bazi okokuba Indoni ke ikwahamba nesikolo yindlela ekusa empumelelweni. Iye isifundise imvelaphi yethu.”

Uqhube wathi: “Ndizakuthi ndincede ulutsha lungoyami kakhulu ngezinto ezingalunganga ezifana nobusela kuba babulala amakamva abo.

“Njengoko ke ndikwahamba neeKumkani neeNkosi zakwaXhosa kunye namaMpondomise, ndizakuthi ndincance nolunye ulwazi abanalo ndinike oogxa bam balungise apho bangamanxele khona.”

Lo ukwayiyo ke nembongi yomthonyama ekwalilo netshantliziyo lezenkcubeko. Ukanti ukwanguye nomsunguli wamaqela amabini amncedisa ekuqokeleleni ulutsha apho bafundisana ngezinto ezakhanayo.

“Ndingumsunguli weHlelokuhle Bikitsha Foundation kunye nomsunguli we-Intyatyambo zaseAfrica.”

IKumkanikazi yamaXhosa, uNonzuzo Sigcawu, ngethuba encokola neli phephandaba I’solezwe lesiXhosa, udize ukuba uyazidla kwaye unebhongo ngeentsana zakhe ezithe zaphakamisa isizwe samaXhosa.

IKomkhulu lisathembisile ngokwenza imibhiyozo ukuqhwabela izandla aba.