Abacuphi bafuna uncedo loluntu ekukhangeleni indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala elahlekileyo. Kutyholwa ukuba kwinyanga ephelileyo ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kweyeSilimela, uSiviwe Mawanda walaliswa kwisibhedlele saseCofimvaba waze watshintshelwa kwisibhedlele iFrontier ukuze ahlolwe amehlo kodwa akazange abuye.
Ngexesha lokuduka kwakhe wayenxibe ibhulukhwe yejean eluhlaza, iiteki ezimhlophe zeAll Star kunye nebhatyi emnyama.
Amapolisa acela nabani na onolwazi malunga nalapho akhoyo ukuba aqhagamshelane nomcuphi uSajini uLuleka Ngqwane kule nombolo: 078 818 5419 okanye iCrime Stop ku-08600 10111. Ulwazi lungathunyelwa nangeMySAPS App.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?