Nceda amapolisa, ufumane inkuntyula yemali

IBUTHO lamapolisa aphanda ngamatyala anobuzaza likhuphe inkuntyula yemali licela uluntu ukuba lulincedise ekubambeni abarhanelwa ababandakanyeka kumatyala amathathu kweli phondo.


OoKhetshe (Hawks) bakhuphe imbuyekezo yemali engange-R100 000 enokunikwa nabani na onokuza nolwazi olunakukhokelela ekubanjweni, ekutshutshisweni nasekugwetyweni kwabo babulala uZolile Malangeni nowakwakhe uNtombovuyo.

Esisibini sadutyulwa sabulawa kwilali iMayaluleni kuTsolo kwiintsuku nje ezingephi emva konyulo loomasipala, kwisehlo ekukholelwa ukuba sayamene nezopolitiko nanjengoko uZolile wayegaqele isikhundla sokuba nguSodolophu eMhlontlo.

 

Onolwazi ngeli tyala, uyacelwa ukuba atsalele umnxeba uKhenel Loyiso Mdingi ku-079 890 0800 okanye uKapteni Nceba Mdebuka ku-071 481 3650.

 

Ukanti ooKhetshe bakwakhuphe iR100 000 kuye nabani na onokuza nolwazi olunakukhokelela ekubanjweni, ekutshutshisweni nasekugwetyweni kwabo babulala ipolisa uWarrant Officer Mzwanele Tukani, owadutyulelwa eMandela Park eMthatha kweyoKwindla kulo nyaka.

 

Onolwazi kweli tyala angatsalela uWarrant Officer Maqhubela ku-047 532 3608 okanye ku-082 779 7268.

 

Kusenjalo ooKhetshe bakwakhuphe iR100 000, enokunikwa nabani na onokuza nolwazi olunakukhokelela ekubanjweni, ekutshutshisweni nasekugwetyweni kwabo babulala ilungu lombutho weMdantsane East London Taxi Association (Melta) uXolani Michael Mapuma.

 

UMapuma wadutyulwa kweyoKwindla kulo nyaka eseHighway eMdantsane. Onolwazi malunga noku, angatsalela uWarrant Officer Mcebisi Qakala ku-079 508 9596.