Nceda amapolisa ukuba umbonile uNgabase

IBUTHO lophando lwamapolisa iiHawks eMpuma Koloni zicela uncedo kuluntu ukuba luncede ukuba kubanjwe uAyanda Ngabase owabaleka kwinkundla kamantyi yaseQonce kweyoMnga nyakenye.

UNgabase wayejongene netyala lokubulala nelokuphanga ngethuba ebaleka kule nkundla.

UNgabase wabulala uFikile Jilaji eDimbaza eQonce kweyeKhala nyakenye. Le ndedeba yeyaseBhayi ngokokuzalwa kwaye ithatyathwa njengenobungozi.

Onolwazi ngaye uyacelwa ukuba atsalele umnxeba umphandi weli tyala uWarrant Officer Mcebisi Qakala ku: 079 508 9596 okanye akrwece isikhululo samapolisa esikufuphi naye.