Nceda umntwana, kutsho usapho lukaXolani Gwala

Ubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela uXolani Gwala

ISITHETHI sosapho lukaXolani Gwala (44), uMatsi Modise, ubongoze abo bagqibe kwelokukhumbula eli gqala lomsasazi ngeentyatyambo ukuba bathathe loo mali ukuze baxhase iTeddy Bear Foundation, umbutho ojongene nabantwana abaxhatshaziweyo obusenyongweni kuGwala.

Ethetha nejelo leSABC, uModise uthi uGwala ebeyithanda kunene iTeddy Bear Foundation. “UXolani Gwala ebenombutho osenyongweni kuye. Lo mbutho yiTeddy Bear Foundation, ngoko ke sibongoza abo bafuna ukwenza inkxaso okanye befuna ukuthumela iintyatyambo ukuba bakwenze oko kwiTeddy Bear Fundation,” utshilo uModise.

UGwala, obengumsasazi kwiRadio 702, ubhubhe ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Lo kaGwala wabhengeza kweyoMsintsi ngo2017 ukuba unesifo somhlaza wamathumbu (colon cancer) emva koxilongo. Ngokutsho kwakhe, lo mhlaza wawusele ugabadele kangangokuba wawusele ufike nasesibindini.

Abazili abe bequka uMphathiswa weMfundo ePhakamileyo uBlade Nzimande izolo, kwinkonzo yesikhumbuzo ebibanjelwe kwityalike yamaKatolika eSandton, bamchaze uGwala njengenene ebelingoyiki ngakoyikiswa, umntu obenothando kusapho lwakhe futhi elithanda kunene nelizwe lakhe.

Okhe wasebenza noGwala kwiSAfm, uKrivani Pillay, ubhale kuFacebook wakhe echaza uGwala njengomntu obethanda ukuphanda ngemiba edla umzi, engakholelwa nje ekuxelelweni ngemiba koko efuna ukugrumba unobangela.

UGwala wazibalula kakhulu kwinkqubo uA’skhulume kwiSABC 1, apho wayexoxa ngemixholo ebangela isazela kwabasemagunyeni. Ukhe wasebenza nakwiSAfm.

Eli gqala lingcwatyelwa kowalo eMpendle KwaZulu Natal ngoMgqibelo.