‘Ndadlwengulwa lipolisa’- othengisa ngomzimba

Abathengisa ngomzimba ngethuba bebambe indibano eQuigney Umfanekiso: Abongile Ginya

“Ndadlwengulwa lipolisa, ngaseBuhlanti eMonti,” itshilo intwazana yaseGcuwa ethengisa ngomzimba eQuigney eMonti.

“Emva kokuba lindidlwengulile eli polisa kweyeDwarha kunyaka ophelileyo, ndaya emapoliseni eFleet Street eMonti ndayokuvula ityala kodwa andide ndibone ukuba kwenzeka ntoni kwityala lam,” itshilo le ntwazana.

Le ntwazana ikudize oku ngethuba bekubanjwe indibano eQuigney kwiveki ephelileyo, apho umxholo ubumalunga nokhuseleko kwanamalungelo wabantu abathengisa ngomzimba.

Lo msitho ubusingathwe yimibutho iSex Workers Education and Advocacy Taskforce (SWEAT) neSisonke.

Ipolisa laseFleet Street ebeliyinxalenye nale ndibano, elibizwe kuphela njengoKapteni Louw, lithe linolwazi ngeli tyala lale ntwazana ethengisa ngomzimba.

“Siyalazi eli tyala, futhi liphantsi kophando lwe-IPID (icandelo eliphanda amatyala awenziwe ngamapolisa). Luxanduva lwakho sisi ukuba uye emapoliseni uyokubuza ukuba kwenzeka ntoni ngetyala lakho,” utshilo uLouw.

Ngokokutsho kwesithethi seSWEAT ephondweni uShaun Bibi, uthi iliqela imicelimngeni abajongana nayo efana nokuthukwa kwabo ngabantu kuquka nokugxekwa ngamapolisa.

“Abathengisi bezesondo kunzima kubo ukuvula ityala emapoliseni lokuthi udlwengulwe. Ipolisa liyakwazi ukuthi udlwengulwa njani wena ingumsebenzi wakho nje lo, phambi kokuba akuhoye uqala ngokunukuneza.

“Ukuthengisa isondo ngumsebenzi kuthi kwaye iintsapho zethu ziphila ngalo msebenzi. Phambi kokuba senze lo msebenzi nathi sinazo iintsapho, singoosisi, singoomama kubantwana bethu, nathi singabantu kwaye namalungelo sinawo, kutheni siza kujongwa kuba luhlobo esiziphilela ngalo olu. Amalungu kumanye amaxesha ayohluthelwa imali yawo kuquka neekhondom ngamapolisa,” utshilo uBibi.

Uceba wakwaWadi 47 (indawo equka iQuigney) uVusumzi Njece obezimase le ndibano, uthembisile ukuba izikhalo zabathengisa ngomzimba ziza kuthatyathelwa ingqalelo kwaye le ibiyenye yezisombululo zeANC kwinkomfa yayo kunyaka ophelileyo.

“Sifuna basebenze ngokukhululekileyo abathengisa ngomzimba kwaye kungabikho bantu banyhashelwa amalungelo abo. Masilwe sonke. Silindele ukuba ide ipasiswe,” utshilo uNjece.

Kule ndibano kukwadizwe ukuba aliqela amatyala okubulawa kwanokudlwengulwa kwabo bathengisa ngomzimba eMonti kwakunye naseMthatha.