Emva kokuba ephelelwe ngumsebenzi uNobathembu Zibi waqalisa ukulima umhlaba ngeenjongo zokuzenzela ingeniso ngezolimo.
Ixesha lokuhlaselwa kwehlabathi sisifo seKhorana kwabangela ukuba abantu abaninzi baphelelwe ngumsebenzi, abanye babona ithuba lokuziqalela amashishini.
UZibi uzinze kwilali yakwaFeni kuCentane, uvelisa ikhaphetshu, iletisi, ibhitroot, isipinatshi kunye nebroccoli. Ngaphandle kokulima, uZibi ungumfama weenkomo kwakunye neebhokhwe ezidingwa kakhulu eMpuma Koloni.
“Ndingumfama kuCentane, ndithengisa imifuno kwiivenkile ezinkulu, izikolo ezikufuphi kuquka neehotele ezilapha eQolorha ngoku ndithethayo,” kucacisa uZibi.
Emva kokusebenza kwiphephandaba iDaily Sun, uZibi utshintshe ukwenza wabhenela kwezolimo ngelizama ukuzenzela ingeniso.
“Ngemali endiyenzayo ndifundisa abantwana bam ababini, ndondla nabazali bam bobabini kwakunye nabantakwethu abane abangasebenziyo,” ucacise watsho uZibi.
Indlala exhaphake ekuhlaleni yabangela ukuba uZibi aqalise ukulima ukuze angenise imali ukuze aphile nje ngabanye abantu.
Kucace nakwimfama ukuba ukulima nokufuya licebo lokuphila okanye lokwenza imali kuninzi lwabantu abangaphangeliyo eMpuma Koloni nakwihlabathi ngokubanzi.
Ukungakhuli koqoqosho kubangela ukuba abantu abaninzi abatsha abafana noZibi bazibone bebhenela kwezolimo ukuze benze ingeniso.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika