Unobuhle osaqalayo waseMthatha uZiphozonke Mafunda, ucela ekwabongoza uluntu lweMpuma Koloni ukuba lumxhase ngokumvotela kwidabi lakhe lokuphumelela imbasa kaMiss Eagle South Africa.
Lo mfundi uphumelele isidanga seNzululwazi ngezeNgqondo (BA Psychology) kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu.
“Ndicela inkxaso kubantu beMpuma Koloni ngokuthi bandivotele ngokuthumela igama elithi ‘Ziphozonke’ kwinombolo engu 35334,” uthethe watsho uMafunda.
Kulindeleke ukuba amkele ngokusemthethweni isidanga sakhe eWSU kwinyanga kaCanzibe.
“Akwaba abantu bebenokwazi ukuba olu khuphiswano alugxilanga kuphela kubuhle bomntu, kodwa bugxile nakwindlela ingqondo oyisebenzisa ngayo, nokuba usisidudla ungangenela, kujongwa kakhulu ukusebenza kwengqondo,” utsho uMafunda.
Uthi izifundo zakhe kwiNzululwazi ngezeNgqondo ziza kumnceda ukuphumelela olu khuphiswano.
“Ndinqwenela ukumisela iqonga lokunceda abantu abatsha abangamanina ukuba bafundiswe izakhono eziza kwenza ukuba bazimele bengaqeshwanga,” utshilo.
Ingxelo ithi inenekazi eliphumeleleyo apha liza kumela uMzantsi Afrika (Miss Eagle SA) kweli nakumazwe angaphandle.
“Inkxaso yabahlali beMpuma Koloni ibaluleke kakhulu kum, kuba ngoku siya kwinqanaba elandulela elokugqibela. Ndiqale kunyaka ophelileyo ukuba yinxalenye yeli dabi,” uthethe watsho uMafunda.
Enye yeenjongo eziphambili kolu khuphiswano kukunika amagqiyazana amahle, achubekileyo ithuba lokuzibonakalisa kuzwelonke nakwihlabathi.
“Ndibona ithuba lokukhula kolu khuphiswano, ndizimisele ukusebenzisa eli thuba ukuntingela phezulu. Xa ndinokuphumelela ndakuhlala ndiqhubeka nezifundo ukuze ndizixhobise.”
Uluntu lungaqhubeka ukuxhasa uZiphozonke ngokuthumela umyalezo ukusukela ngoku kude kube yinyanga yoMnga.
Ophumeleleyo kulindeleke ukuba achazwe kumsitho oya kubanjelwa eSandton eRhawutini kwinyanga yoMnga walo nyaka.
Aba nobuhle baqhutywa yinkampani ebizwa ngokuba yiEagle Media eseRhawutini, itsho ingxelo.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo