‘Ndicela uncedo ndiphila kabuhlungu’

UMcebisi Zoya waseMthwakazi eHewu, ohamba ngamadolo ngenxa yokunqunyulwa kwemilenze yakhe ngugqirhaUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Izandla zezokwenza imisebenzi ethile kwabanye, kodwa uMcebisi Zoya (77) waseMthwakazi eHewu, usebenzisa zona xa ehamba, encedisa ngamadolo wakhe. Ngalo mhla ugagene nephephandaba I’solezwe esiya kusabela kubamelwane bakhe ngokuza kwekliniki ehambayo elalini yakhe.

“Ndisokoliswa sisifo seswekile ngoku ndiyakusabela apha kwatitshala ukuba ingaba izakufika na ikliniki ngomso, ndanqunyulwa imilenze ngo-1998 emva kokonganyelwa yiswekile,” utshilo uZoya. Ngumbono ongemhle ukubona umntu ehamba ngezandla namadolo kodwa kuye yindlela ethile yokuziphumza kwisitulo esihambayo.

“Ndinaso isitulo sokuhamba, kodwa xa ndifuna ukuzihambela ndihamba ngolu hlobo, ndiphumza nabantu abasoloko beqhubana nam xa ndifuna ukuya endaweni,” uthethe watsho. Nangona kunjalo, lona uncedo lokufumana isitulo esihamba ngombane uyalufuna, kuba esithi angohlukana nokuxhomekeka ebantwini. “Apha esibhedlele eDongwe ndaya ndinengxaki apha koobhontsi, ndathunyelwa eCecilia Makiwane, ndasikwa imilenze yomibini ke apho, yaqala ngelo xesha lengxaki yokurhubuluza apha kum,” utsho uZoya.

Ilali yaseMthwakazi yenye yeelali ezindala eHewu ezathi zamkela amaHlubi ayephuma kwindawo ezahlukeneyo ngeminyaka yo1800. “Izandla namadolo ziyakhuthuka ngenxa yale ndlela ndihamba ngayo, ndingavuya nokuba ndingaphiwa imoto ndizihambele,” ucenge watsho uZoya.

Ummelwane walo tata, uNonkululeko Mange, uthi ngenene le ndoda iyaludinga uncedo. “Wayekade ehlala kwakhe kodwa ngenxa yokonganyelwa sisifo seswekile, wathathwa ngabantwana bomkhuluwa wakhe waza kuhlala nabo kuba akanaye owakhe umntwana, makenzelwe uncedo nokuba lunjani,” uthethe watsho uMange. Abahlali bale lali bafumana uncedo lwezempilo ngokuthi kuze ikliniki ehambayo kanye emva kweeveki ezimbini. “Ungomnye wabantu balapha ekuhlaleni abathi beze kufumana iinkonzo zempilo nanjengoko izakufika kule veki, usoloko ejongwa ukuba iswekile yakhe imi ndawoni,” utshilo uMange. UZoya uthi ukuphucuka kwendlela ahamba ngayo kungenza ukuba aphile ubomi obude. “Ndikwagula sisifo sesisende, ngoku ndisoloko ndiqaqanjelwa kuba ndirhuqa emhlabeni, ndigodole kakhulu xa kubanda, ndiyacela nokuba lunjani uncedo lwento yokuhamba,” utsho. Ukungabikho kweziko lempilo elizinzileyo kule ndawo kungenza ukuba impilo kaZoya nabanye abaninzi ibesesichengeni, itsho ingxelo. “Ukuba angafumana izinto zokunxiba apha ezandleni ahambe ngazo zikhuselekile, anxibe izinto nalapha emadolweni uyakrweleka kabuhlungu abenamanxeba,” ubongoze watsho uMange. Uninzi lwabo bahamba ngolu hlobo eMpuma Koloni benziwa kukudinga izitulo zokuhamba, kodwa kuZoya akunjalo. UZoya akazange aphangele, uphile ngokuthengisa impahla emfutshane neenkomo, kwanokulima umhlaba ukusukela oko wazalwa. Uceba wakwa-Wadi 12 e-Enoch Mgijima, akafumanekanga ukwenza ilizwi ngale nzima yalo tata.