Ndifuna imali yam kungenjalo……!

UMninawa Riti woyikisa ngokuthabathela umthetho ezandleni zakhe xa imali yakhe engayifumani

Indoda yaseKwelerha eMonti ithi idiniwe kukulinda ingalo yomthetho engade imncede ekufumaneni imali yayo ayityalwa yindoda ewayethenge kuyo imoto.

Ngenxa yokulinda ixesha elide, le ndoda iceba ukuthathela umthetho ngakuyo ezandleni.

UMninawa Riti (52) uthi wanyanzeliswa ekubeni athenge imoto eluhlobo lweTazz sele ingasebenzi, ethengiselwa ngugxa wakhe uMalusi Tobela ngemali engange R10 000 nangona nje wabhatala iR6 000, ngonyaka ka2013.

“Andinazimpepha zakuqhuba, zange ndaqhuba uTobela ekunye nomzala wam bandinyanzelisa ekubeni ndithenge imoto ndaphela sele ndivuma bendibonisa ukuba izakundincedisa kanjani kwimpilo yam nam ndaphela ndiqhatheka. Andiphangeli andikarholi nenkam nkam ndingumntu ozizamelayo ngokwenza amashishini amancinci. Kunjalo nje nam ndiyavuma ukuba ndabasisibhanxa ngokuvuma,”utshilo uRiti

Uthi, le mali wayisebenzisayo yimali awayezibekele yona ebhankini efuna ukuba imphilise kwakunye nosapho lwakhe.

Uthi lide elithuba enyamezele: “Ukuba imali yam ayide ibuye kulendoda ndizakuzithathela ngokwam ingalo yomthetho kuba kudala ndinyamezele akukho ndawo ndingayihambanga. Ndizakubona ngaye ukuba ndithini,” utshilo uRiti.

URiti uthi, sele eyihambele nakwiinkundla zamatyala aseMonti kodwa akukabikho sisombululo kuba umtyholwa lo uTobela akakambhatali nesenti emdaka nangona nje inkundla yathi makambhatale inyanga nenyanga.

Umtyholwa lo ungumqhubi webhasi yesikolo sabakhubazekile esiseMdantsane iVukuhambe. Sifike sele evalile esikolweni ngethuba siyokuzivela malunga nezityholo atyatyekwa zona nguRiti.