‘Ndifuna siye kuTsolo nesi isithsaba’

UMasithembe Rawe wakuTsolo ongenele ukhuphiswano lukaMr SA, uzicelela iivoti

UMasithembe Rawe uthi kudala warhalela ukukhe akhwele eqongeni naye ngenye imini, koko uthi wayebethwa zintloni kwanokungazithembi.

Uthi kodwa ngokuye ekhula nangokuye kuhamba ixesha, uye wabona ukuba kunyanzelekile ezisusile iintloni alandele okufunwa yintliziyo kuba efuna ukuthabatha inxaxheba ekwenzeni inguqu kweli lizwe.

URawe, 25, ophuma kwilali yaseMadwaleni kuTsolo nophakathi kwekhulu lamadoda angenele ukhuphiswano lokuba nguMr South Africa, ngoku ulwela ukungena kwiTop 20 xa kuhluzwa kweli khulu akulo.

Uthi uza kungena kwiTop 20 ngenxa yeevoti zoluntu xa luthe lwamnika inkxaso ngokuthi lumvotele.

“Oko kuya kuthi kwenzeke ngokuthi uluntu lundivotele njengoko sele zivulile iivoti. Zininzi izizathu kwaneenjongo ezindibangele ukuba ndingenele kolu khuphiswano. Enye yazo kukuba siphindele kuTsolo esi sithsaba njengoko uMiss South Africa ephuma khona. Okunye ndifuna ukuthubelezisa umyalezo eluntwini wokuthi phantsi ngokuphathwa gadalala kwabantwana kwakunye namanina,” utshilo uRawe.

Uthi enye yenjongo kaMr SA yalo nyaka kukuxhobisa uluntu ingakumbi ulutsha ekubeni luphakame luthabathe inxaxheba ekwenzeni inguqu kweli lizwe loMzantsi Afrika. Enye yeenjongo kukuba bakwazi ukuza namacebo aza kuthi aphucule intlalo

URawe uthi kufike ixesha lokuba azinike uxanduva lokutshintsha iingqondo zabantu abatsha njengoko bengafani nolutsha lokuqala olwaluzilwela kwaye luvakalise nezimvo zalo.

Uthi kumaxesha amaninzi ulutsha olukhoyo ngoku luhoye kakhulu ulonwabo kwaye luchitha nexesha lalo kwiindawo ezigwenxa.

URawe uqhube wathi baninzi abantwana abanenjongo ngobom abadinga abantu abanje ngabo abanokuba khuthaza babe yimizekelo kubo ingakumbi amakhwenkwe asakhulayo.

URawe akukho kokuqala engenela ukhuphiswano olukumila kunje. Ebengenele ngo2016 ukhuphiswano lukaMr Justice South Africa.

Oyena uphumeleleyo uza kubhengezwa kwinyanga yoMsintsi kunyaka ozayo. Lo nyaka wonke uzayo baza kube besenza imisebenzi abayinikiweyo equka kuyo ukufuna inkxaso koosomashishini.

URawe mvotele kanje: MRSA59 ku40439.