La ngamazwi athethwe nguLily Phillips (23) waseNgilani, owenza iividiyo zamanyundululu aze abelane ngazo kwiOnlyFans, iqonga lomnatha apho abantu bahlawula khona ukubukela iividiyo zamanyundululu.
Le ntombazana yaseNgilani sele ileli namadoda ayi101 ngosuku, kodwa ngoku ukwiphulo lokulala namadoda ayi1000 ngosuku. Ibali lakhe elingaqhelekanga lisasazeke kumakhasi onxibelelwano.
Ngokutsho kwephephandaba laseIreland, iThe Irish Sun, uPhillips wenze ngaphezu kwezigidi ezibini zeeyuro (R38 million) ngenxa yeevidiyo azenze kwiOnlyFans.
UPhillips ngoku ufuna ukophula irekhodi lehlabathi ngokulala namadoda ayi1000 kwiiyure nje ezingama24. Oku kuya kurekhodwa kwiakhawunti yakhe kaOnlyFans ukuze abantu bakhe abangama36 000 abamlandelayo babukele.
Ethetha ngale nto, uPhillips uthe, “Ndize nalo mbono ngoncedo lomncedisi wam. Andikwazi ukulinda, inika umdla kakhulu. Iya kuba yirekhodi yehlabathi.”
Ingxelo ithi uPhillips waqala ukuba nalo mbono wokufuna ukophula irekhodi lehlabathi emva kokuba wabelana ngesondo namadoda ali101 kweyeDwarha kulo nyaka kwiiyure ezingama24 kwindlu enamagumbi amabini okulala kumbindi weLondon awayeyiqeshile.
Oku kuvakala ngathi yinto engenakwenzeka, kodwa, akangomntu wokuqala ukuyenza. Sithetha nje, kuthiwa umntu obambe irekhodi lokulala nabantu abaninzi ngowasetyhini ogama linguLisa Sparks owalala namadoda angama919 ngosuku eWarsaw, ePoland, ngonyaka ka2004.
Kuthiwa ngethuba uPhillips elala nala madoda ali101, kwakukho amadoda awayesuka kwamanye amazwe. Ngokutsho kukaPhillips, abazali bakhe, umakhulu notatomkhulu wakhe ‘bamxhasa ngokwenene’, kwaye umama wakhe ude alawule imali yakhe.
Ngethuba uPhillips eqala ukusebenzisa iOnlyFans ngexesha leKhorona, wenza amawaka amabini eeyuro (R38 000).
Ethetha ngomsebenzi wakhe kwiOnlyFans, uPhillips uqhayise wathi: “Kuyandonwabisa kakhulu. Ndiyayithanda. Ndenza into endiyithandayo kwaye ndiyayonwabela – ndiphila ngayo. Bubomi nam. Yintoni engalunganga kuloo nto?
“Ukunyaniseka, itshintshe ubomi bam. Indlela endiziva ngayo ngam, ukuzithemba kwam. Ndingowasetyhini oneminyaka eyi23 ozihlawulela irenti kwaye ndifumana imali encumisayo. Ndinebhongo kakhulu ngento endiyizuzileyo.”
UPhillips ulungiselela ukulala namadoda ali1000 kwiiyure ezingama24 kwaye iimfuno zakhe kula madoda ziquka, amadoda angaphezulu kweminyaka eli18 ubudala, kufuneka anxibe ikhondom kwaye enze novavanyo lwawo lweHIV.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!