‘Ndifuna ukubuyela e-trufm’

Thobeka Buswana

OBESAKUBA ngumanejala wesikhululo seSABC i-trufm eBhisho, uThobeka Buswana, uthi emva kokuhlanjwa kumatyala abetyatyekwa wona ufuna ithuba lokuphinda abuyele kumsebenzi wakhe.

UBuswana wagxothwa yiSABC kweyeDwarha nyakenye, kwinto esele icace gca ngoku ukuba yayinokwenza nohambo lukaBuswana esiya kwiGrahamstown National Arts Festival ka2018, apho uMnu. Phumzile Mnci, umanejala weSABC eMpuma Koloni, kwanegosa eliphezulu kwiSABC uHosea Jiyane, bebebanga ngelithi olwa hambo lwalungagunyaziswanga.

UBuswana, emelwe yimanyano iBEMAWU, uye wabhenela kwinkundla yeembambano zabasebenzi (CCMA), apho kuxoxwe de kwafumaniseka ukuba inkqubo yokugxothwa yayinomkhethe. AbakwaCCMA bayalele iSABC ukuba ihlawule uBuswana iR988 000.

Iimpepha ezibonwe liphephandaba I’solezwe lesiXhosa zibonakalise ukuba uhambo lukaBuswana nesikhululo laligunyazisiwe.

UMkomishinala ophezulu kwaCCMA, uMalusi Mbuli, uthe: “Andinakuyamkela ingxelo [yeSABC] yokuba ummangali (Buswana) ebenganyanisekanga ingakumbi xa ndiqwalasele ingxelo ecace gca yommangali nechaza ukuba akukho mthetho waphuliweyo. Umqashi (SABC) wohlulekile kukusebenzisa amagunya wesolotya lomthetho (192 weLabour Relations Act), ukubonakalisa izizathu zokugxotha umsebenzi.”

UBuswana ngethuba leengxoxo ezikhokelele ekugxothweni kwakhe uthi uye waxelelwa ukuba iSABC ikwixesha lokuzicoca, “ngoko ke ngabantu abafana nam abafake isandla kwiingxaki zemali kulo msasazeli woluntu”.

UBuswana uthi akazange akuthembe ukubhena kwinkqubo yoluleko yeSABC yiyo lo nto wabhenela kwiCCMA.

“Inkqubo yeCCMA ibe nolibaziseko kuba umntu ebefanele ukuba uyinxalenye yayo, uMnu. Mnci, ebekhe angabikho.”

Lo kaBuswana uthi akuzange kubekho tyala ngakuye kwaye ukuba abaphathi beSABC babemmamele, ngekungakhange kufikelelwe kule ndawo.

“Idabi lokucoca igama lam aliphelelanga apha. Andinamsebenzi ngenxa kaMnu. Mnci, uMnu Leuba Ramakgolo noMnu. Stephen Paradza. Imbali yam yokusebenza negalelo lam eSABC azizange zibe namathandabuzo eSABC.

“Oku kugxothwa kuphazamise ithuba lam lokuhlaziya isivumelwano neSABC kwaye ke ngoku xa sele ndihlanjiwe kumatyala wam, ndiyalifuna ela thuba lokubuyela kwakhona kumsebenzi wam,” utshilo uBuswana.

Isithethi seSABC, uVuyo Mthembu, uthi basasiphicotha isigqibo seCCMA.