‘Ndifuna ukuya esikolweni’

UAyanda Ngozi waseNdlovukazi eKomani akavumi kukhedama, ulungiselela unyaka ozayo.

UAyanda Ngozi waseNdlovukazi eKomani (33), akavumi kuthityazwa zinzingo zobomi bakhe, uthengisa inyama, ulungiselela ukuya esikolweni kunyaka ozayo.

“Ndifuna ukuya esikolweni kunyaka ozayo, ndenza imali apha ngokuthengisa le nyama ukuze ndingene esikolweni, andinakunikezela ebomini ndisemncinci kangaka,” kutsho uNgozi.

UNgozi uqalise ishishini lokuthengisa inyama yehagu neyeenkukhu kwisitalato iEbden eKomani ngelizama ukulwa neengxaki zentswelo yakhe.

“Imali yokuqala ndiyifumene ngokuthengisa ihagu, loo hagu ndandiyiphiwe ngumalume kuba ndincedisa phaya ekhayeni kwimisebenzi yekhaya, ndayixhela, ndayithengisa, ndafumana imali yokuthenga ezi zixhobo nale nyama ndiyithengisayo,” uyacacisa uNgozi.

Esona sixhobo emi ngaso liziko lentengo, iinkuni nezinongo zokwenza inyama ibe mnandi.

“Ndandiyidelele ukuqala kwam, kodwa umalume nenkosikazi yakhe bandikhuthaza, ngoku ndifika ngentsimbi yesibhozo ndixakeke kutshone ilanga,” utsho uNgozi. Ngonyaka ka2013, uNgozi ugqibe iDiploma yoLawulo lweOfisi eFalse Bay College eKapa, akafumana msebenzi ukusukela ngoko.

“Amaqatha ayashiyana, elinye yiR20 ze elinye ibe yiR15 kula wenkuku, ize awehagu nawo ashiyane ngokunjalo, bayayithanda kakhulu abantu le nyama,” kutsho uNgozi.

Abasebenzi bakwaAvbob eKomani ngabona bathengi bakhe baphambili kuba bamxhasa iintsuku ezintlanu zeveki bethenga.

“Omnye woomalume bam usebenza kwaAvbob, waye wacela oogxa bakhe ukuba bandixhase ngokuthenga inyama yam, ngemini ndithengisa amaqatha alishumi elinesihlanu kwaAvbob,” kutsho uNgozi.

Ngelanga ungenisa imali ekumakhulu amane xa imini ivumile, aze enze amakhulu amabini kwimini engentlanga.

“Ndithatha isiqingatha sayo ndiye kuthenga izinto ezifana nenyama, izimnandisi, enye ndiyivalele, iinkunzi andizithengi, ndisuka nazo endlini,” utsho.

Uthi ufuna ukuya kwenza izifundo zobuNjineli kwezombane, ngenjongo yokwenza ishishini lombane kamva.

“Ndikhule ndinenjongo yokwenza ishishini lokwenza umbane, ndifakele, ndilungise umbane wabantu, ukugqiba kwam esi sidanga ndakwenza oko,” utsho uNgozi. Akukho ncedo wakha walifuna kurhulumente, koko uncoma inkxaso yoluntu.

Ingxelo yeFood and Agricultural Organisation phantsi koMbutho weZizwe eziManyeneyo ibonisa ukuba ukuzivulela amashishini yeyona ndlela iza kunceda uluntu ukulwa nemingeni ejongene nehlabathi. Omnye wabathengi bakaNgozi uthi uthenge ecinga ukuba uxhasa ishishini elisaqalayo, suka wothuswa yincasa yenyama.

“Ndaqala ukuza apha ndisithi ndize kumkhuthaza, kodwa ndiquqa ndibuyelela ngenxa yencasa yokutya kwakhe, uyazama ukuba izinto zakhe zicoceke, ulihomba, imnandi ke yona inyama yakhe, nokuba uthenge eyenkukhu nokuba yeyehagu kuyafana,” utshilo umthengi.

“Ndijonge ukufakela iirostile, ndizoje apha, ixesha sele liphelile, sele efikile u2021,” utsho uNgozi.

Abasebenzi beegaraji ezimbini ezikufutshane kule ndawo, abaqhubi beetaxi, abasebenzi besibhedlele sabucala eKomani, baphakathi kwabathengi bale nyama kaNgozi.