‘Ndifunde izinto eziliqela kwiphepha-ndaba’ – Mabusela

Pumeza Mabusela

Njengokuba amaqumrhu abucala enoxanduva kwicala lokulola izakhono zolutsha olusakhangela amadlelo aluhlaza eMzantsi Afrika, I’solezwe linike, uPumeza “Zaza” Mabusela, ithuba lokufunxa ulwazi kwiintatheli zalo.

Oku sikwenze phantsi kwenkqubo yethu entsha yokuncedisa abantu abatsha abadinga uqeqesho kwicandelo leendaba.

UMabusela (27) ufumene uqeqesho kwi-ofisi yethu (I’solezwe lesiXhosa) ibambisene ne-arhente yesebe leZobugcisa nobuChwepheshe, iSAASTA, enephulo lokuvelisa iindaba ngezobugcisa nobuchwepheshe. Le ntokazi ifumana uqeqesho olufanayo nakwiKumkani FM.

“Amava endiwafumene kweli phephandaba lesiXhosa ayandincumisa kakhulu. Nangona ndandikhe ndasebenza kwindawo eyenza iphephandaba ngaphambili – kodwa ndifumanise ukuba iindawo nganye inendlela yayo esebenza ngayo. Eyona nto itsale umdla wam kukubhala ngolwimi lwam, isiXhosa.

“Njengomntu olitshantliziyo kwimicimbi yeelwimi zesiNtu – kuluvuyo kum ukuba yinxalenye yalo msebenzi. Bekukuhle, ndifunde nendlela elimiselwa ngayo iphephandaba, andisathethi ke ngabantu balapha, imfudumalo nothando lwabo,” utshilo uMabusela.