‘Ndifuye iihagu, nokulima ndiyakufuna’

Umfuyi weehagu uKholeka Ndlovu.

Le yintetho exhaphakileyo imihla ngemihla kumafama asaqalayo, okona kubalulekileyo ikukuba umfama ade aqalise ukulima okanye ukufuya. UKholeka Ndlovu waseMlazi eThekwini ufunde izifundo zobuNjineli bokulungisa imoto, kodwa ukwanazo izifundo zenzululwazi yokukhathalela izilwanyana.

“Ndingumfama okwa ngumsunguli weImama Land Farming ezinze eMlazi, eThekwini kwiphondo laseKZN, ndifuye iihagu kodwa nokulima ndiyakufuna,” kucacisa uNdlovu.

Ukusukela ngonyaka ka2021 uNdlovu uzibonakalisile ukuba ngenene ungumfuyi weehagu ophumeleleyo, onokwenza ngcono xa enokunikwa ithuba.

Ukufuya iihagu yenye yeendlela ezilula ezikhawulezayo, kodwa inyanzelisa ukuba umfama abe uyakuthanda ngenene akwenzayo.

Umfuyi weehagu uKholeka Ndlovu esenza into ayithandayo.

“Kudala ndinomdla kwizilwanyana ngoku kodwa iihagu, kwelinye icala ndaba ndinombono wokuba ngusomashishini,” uhambisa atsho uNdlovu.

Iyakhula indima edlalwa ngamanina asakhulayo kwezolimo kweli, oku kuncediswa nazinzame zikaRhulumente zokuqhubeka enika amanina ithuba kwezolimo.

“Emva kokuphumelela ibanga leshumi, ndandingayazi ukuba mandenze ntoni, ndagqiba iminyaka emithathu ndisebenza kwishishini lasekhaya lokuthengisa utywala,” kutsho uNdlovu.

Ukubambisana nokuhlala ukhangela ulwazi kwenza kubelula ukuba umfama aqalise ukusebenza. “Emva kokuncedwa sisithandwa sam, sakwazi ukwenza isicwangciso sendlela eyiyo yokufuya iihagu, izinto ezifunekayo nezinye, emva koko ndasenza eso sicwangciso,” kucacisa uNdlovu.

Ukuthanda into oyenzayo yeyona ndlela yokugcina umdla womfama uphezulu kumsebenzi wakhe. “Ndazibona ndiyithanda ngamandla le nto yokufuya iihagu, ndivuka kusasa ngosuku ngalunye ndenze into endiyithandayo,” utsho uNdlovu.

Ingcebiso yakhe kumafama aqalayo kukuba aqhubeke ekwenza oko anqwenela ukukwenza ukuze ayibone impumelelo yawo.

“Kuyenzeka, kufuneka nje umfama ukuba azi amanani wakhe nento afuna ukuyenza, enye nenye iyakwenzeka, ukuqala kubalulekile kakhulu,” ukhuthaze watsho uNdlovu.

Ukhuthaza amafama ukuba angaqali ngokwenza izinto ezinkulu ezizakuwaxaka koko mawafunde ukuqala kancinci avumele ukuba izinto zizenzekele. Olu lwazi nebali likaKholeka Ndlovu lelinye lamabali weAgriculture and Young kaKwanda Nyazeka.