‘Ndihlanguleni kobu bunzima’

UNombuyiselo Simayile noyinkosikazi yaseMthatha icelela umyeni wayo onguMatuwana Simayile isitulo esinamavili kulandela ukuhlaselwa sisifo secala umfanekiso: Buziwe Nocuze

Icela uncedo inkosikazi yaseJoe Slovo kwidolophu yaseMthatha eMpuma Koloni. UNombuyiselo Simayile noneminyaka engamashumi amahlanu anesithoba ubudala ubalisele I’solezwe ngobunzima ajongene nabo kwikhaya lakhe.

“Umyeni wam wahlaselwa sisifo sokufa icala kwiminyaka engaphezulu kweshumi eyagqithayo, lo nto yabutshintsha kakhulu ubomi bethu kuba ndim indoda kulo mzi ikwandim nomfazi.” utshilo uSimayile.

Uqhube wathi xa enokufumana isitulo esinamavili noko ungakhona umohluko.

“Sicela nabani na onokuthi ancede ngesitulo esinamavili kuba andisakwazi kumfunqula ndimkhuphe phandle, uyandisinda.” utshilo.

Watsho esithi enye yezinto ezibuhlungu kukuba umyeni wakhe xa ezikhulula kufuneka ecele abantwana ukuba bayokudlala phandle nokuba abafuni ukuze azokwazi ukuncedisa umyeni wakhe ekuzikhululeni,” utshilo.

Lo kaSimayile ukwavakalise ukuba uloyiko lwakhe kukuba abantwana bakhe banganezifo ezingaqondakaliyo kuba bahlala endlini enye nalapho bathi benzele yonke into khona.

“Xa ndiza kumncedisa kuyo yonke into siyenzela kule ndlu kuba asinayo enye, kunyanzelekile ukuba senzele yonke into kule ndlu inye,” utshilo.

Nanjengoko uSimayile esenza yonke into ikwanguye nekufuneka eqinisekise ukuba kulalwa kutyiwe.

“Ubomi bunzima kuba andikwazi nokucela umsebenzi ebantwini kuba kaloku andikwazi ukushiya umyeni wam yedwa, yilo nto ndiqinisekisa ukuba ndijikeleza apha elokishini ndiqokelele iibhotile ukuze ndikwazi ukuthengisa sifumane lo nto sizokwazi ukulala siyityile,” utshilo uSimayile.

Uqhube wathi xa enokufumana isitulo esinamavili kungalula kakhulu.

“Xa enokufumana isitulo ndingatsho ndimthathe ndimse kwamakhelwane ndibe ndibambe itorho kodwa kunzima ngoku kuba kaloku andikwazi kumphakamisa uyandisinda,”

utshilo uSimayile. Watsho esithi ukujongana nabantwana kunye nomyeni wakhe ongakwazi kuzenzela nto benza ukuba kubenzima nokulala.

“Andizuzenza ngcono ndibe ndithetha izinto ezingekhoyo, ndiyasokola kodwa eyona nto ndiyinqwenela kakhulu ngoku sisitulo esinamavili nokuba siphinde sayibona eyendawo yokuhlala nangona kungeyompilo indlela esihlala ngayo, kodwa ke asinandlela yimbi esinokwenza ngayo,” utshilo.

Uqhube wathi nangona unzima umsebenzi wokuqokelela iibhotile ze ayozithengisa kodwa yeyona nto ibeka isonka etafileni ngoku.

“Ndihamba kudumbe iinyawo kuba kaloku sibaninzi thina bantu baqokelela ezi bhotile, kodwa ukuhlala endlini ndibe ndisazi ukuba abantwana baza kufuna ukutya lo nto sokuze indincede, yilo nto ndinyamezela kunzima kunjalo.”utshilo uSimayile.

Uqhube ngelithi nanjengoko ecele uncedo kwiSolezwe unethemba lokuba ukhona umntu oza kufunda ibali lakhe mhlawumbi amncede ngesitulo esinamavili.

“Kudala ndabona abantu befumana uncedo emva kokuba bephalaze imbilini yabo ephepheni, nam ke ndinelothemba lokuba ukhona umntu oza kuchukumiseka ndifumane esi situlo ukuze nomyeni wam azokwazi ukuphuma phandle abethwe ngumoya.”