Ndikhahlela amaqhawe eelwimi zesiNtu angoosaziwayo!

Umhla ngowama-29 kwinyanga yeDwarha, ndikumsitho wothweso lwesidanga semfundo enomsila kwilokishi yakwaLanga kweleNtshona Koloni.

Ndize kuzimasa kulo msitho emva kokumenywa ngomnye wabafundi bam endandimfundisa ndisengutitshala esikolweni. Eyona nto itsale umdla wam kulo msitho, kukuba lo mfundi wathatha isigqibo sokuqhubekeka efunda banzi ngeelwimi, kangangokuba esi sidanga sesokugqwesa kwakhe kufundo lweNzululwazi ngeeLwimi.

Kwincoko yethu ngezi zifundo zakhe, akukho nto ndiyithande nendichukumise umxhelo ukodlula uluvo lwakhe lokuba ufuna ukusungula iphulo lokusetyeziswa kweNzululwazi nobuGcisa, ukuze kufakwe izichazi-magama zesiXhosa kwi-Intanethi.

Oku kufakwa kwesiXhosa kwi-Intanethi kungavulela amathuba okuba lowo ufuna ulwazi oluthe vetshe ngesigama sesiXhosa, acofe nje iqhosha kwikhompyutha, angene kumnathazwe onesichazi-magama sesiXhosa, afumane olo lwazi alunxanelweyo.

Kwiilwimi ezifana nesiAfrikaans nesiNgesi, sekulithuba efumaneka la mathuba, kangangokuba abantu abathetha ezi lwimi banalo nethuba lokongeza nokuhlomla kweso sigama sikumnathazwe weelwimi zabo.

Kucacile ukuba nalapha kuthi maXhosa, intlantsi sele isemnyango, kwaye oku kungalatha ukuba ulwimi lwethu luza kuphuhla, kwaye lungaphila ngonaphakade! Makube njalo!

Kwinkqubo yalo msitho wothweso-sidanga, isithethi sembeko ibe ngumhlonitshwa ofunde wayityekeza, egaxele imixwayo yezidanga ezithathu zamaziko ohlukeneyo emfundo enomsila, ethetha ngokumazi kwakhe ncakasana umfundi lo uwongwayo, nanjengoko wayeyinqununu yakhe esesesikolweni.

Zisuka nje, lo bawo wesifundiswa semfundimani esifunde sayityekeza, ugadlele ngesiNgesi, watsho esithi, “ukuthetha isiNgesi ngumqondiso wokuba ubani ufundile ngenene.” Uqhube ngelithi, “umntu ofundileyo ongakwaziyo ukusithetha isiNgesi, nalowo phofu kule mihla ungakwaziyo ukusithetha nokuba akafundanga, loo mntu ngumnka-nja.”

Ngenene ke imfundimani le iqhube kuhle, kwintetho yayo igxile kwindima yemfundo nokubaluleka kwayo entlalweni, konke oku ikuthetha isebenzisa kanye esiya saseBhilitane isiNgesi.

Kuthe kusenjalo, esaqhuba ngokuzimisela umhlonipheki lo, baqala abantu ukusebe-sebeza, yalandela imigushuzo isalatha ukungakholiseki, bambi basuka bamane ukuba yimiqodi ukusingisa kwigumbi langasese nokuya kuthoba uthuli ngamanzi.

Nanjengenqununu ke eqhele ukusebenza nabantu, uhle wabona ukuba intetho le yakhe ithande ukumka nomoya, kuba ingqiqo neendlebe zabantu besele zibhadule, zimshiya engathi uhlaba umkhosi eyedwa ezintabeni, ube loo mkhwazo ukwaviwa nguye yedwa kuphela.

Ndithe ndihleli kweso situlo ndanga ndiyatsha, ndingakwazi nokuzibamba, nditshiswa ngakumbi lolu luvo lwalo bawo luthi ukuthetha isiNgesi ngumqondiso wokuba sisifundiswa. Ndizinqande amatyeli ndifuna ukuphakama ndiphikise, kungenjalo ndimtye ngamazinyo, nto nje ndahlonipha umsitho lo. Ilishwa lakhe ke, ibe kukucelwa kwam ukuba ndenze amazwi ombulelo.

Ndingena nje ndiyibeke yacaca into yokuba noko nam ndiqhokriwe ngoswazi lwemfundo, kodwa imfundo le ayizange yabangwa, kuba lowo ufundileyo akafundelanga yena, koko ufundele isizwe, ukuze isizwe eso sirhabule kuyo, sibinze ngayo, kwaye siyisebenzise ekuloleni nasekuveliseni izilumko neengqondi zangomso zohlanga. Nditsho ndisithi, imfundo eyiyo imele kukugxila ekuphuhliseni okukokwethu, ihloniphe iilwimi zethu, ubuntu bethu, amasiko ethu kwanamafa ethu.

Ukuba imfundo yenjenjalo kuthi, kwakuba lula ukufundisa nezinye izizwe ngathi nangesizwe sakowethu. Kungoko kubalulekile ukuba kwimisitho yethu, sithethe ulwimi lwethu esizingca ngalo, kungatsho ukuba phaya naphaya asinakucaphula kwezinye iilwimi xa kunyanzelekile.

Othetha ulwimi lwakhe ngokuzingca, efundile engafundanga, ebalasele engabalaselanga, lowo liqhawe neqhawekazi, lowo livula-ndlela lophuhliso lolwimi lwakhe, lowo ngumthandi wesizwe, kwaye kumele akhahlelwe.

Xa kulapho kanye, ndivumeleni ndikhahlele la matyendyana nezi nzwakazi zohlanga oluntsundu, ngokungafuni nantwana ngeelwimi zakowazo, zithi nangoku sele zibuzwa zidliwa iindlebe ngolwimi lwasemzini, zitsho kuvokotheke ngolwimi lwenkobe.

Nokuba ubani uthi kutheni, kube bekungathangani, nokuba ubani uthi benziwa kukungabi bahle kwisiNgesi okanye uthi benziwa kukuzingca ngeelwimi zabo, mna ndithi ngamaqhawe namaqhawekazi angadlaliyo ngolwimi lwawo nangemveli yawo.

Phakathi kwala maqhawe namaqhawekazi ndingabala uNkosinathi Mankayi, nowaziwa ngegama elinguNathi, imvumi ephume izandla yengoma enguNomvula. Nokuba eli tyendana libuzwa ngesiNgesi esinambitheka kangakanani na, impendulo yalo ihlala itsolile, ingesiXhosa esingangxengwanga. Camagu nto kaMankayi, thole leduna laseQhanqarhu (Maclear)!

Nanko unyana welali yaseTshiombo, cebu kuhle eThohoyandou, uEric Tower Mathoho, ongumdlali weqela iKaizer Chiefs, ezeka mzekweni, engadlali ngesiVenda sakowabo. Ndichukunyiswa emphefumlweni kamnandi naziintombi zohlanga, uSimphiwe Dana noLilitha Bidla.

Ezi ntombi aziphelelanga nje ngokuvuma ngesiXhosa sakowazo, koko zithi ngoku isiNgesi zikwazi ukusithetha zisikhuphe nangeempumlo, ubukhulu becala uye uzive zigadlela ngolwimi lwakowazo, ulwimi lwesiXhosa!

Zintombi zohlanga nincede niyibambe njalo, kuba ulutsha lwakowethu lujonge kuni. Ndinothulela umnqwazi boosaziwayo bakowethu, kuba iilwimi zenu zenkobe nizixabisile!