‘Ndikhokele eMzantsi Afrika, sanugeza bantwana ndini’, kutsho oweANC kumngcelele kaNosicelo

INKOSIKAZI engumlandeli weANC, eyalelwe ukuba ikhulule izinxibo zeANC okanye ikhwelele kumngcelele wokumemelela ubulungisa egameni likaNosicelo Mtebeni, ithi ayiyithandanga eyokuxwaxwa ngabafundi namatshantliziyo phambi kwenkundla yaseMonti ngoMvulo.

Oku kuza emva kokuba abaququzeleli bomngcelele bebecele uluntu ukuba lunxibe impahla emnyama kulo mngcelele, apho bekugxilwe ekuchaseni ukunxitywa kwezi nxibo zemibutho yezopolitiko.

Lo mngcelele ibingowokufuna ubulungisa egameni likaMtebeni, obulewe sisinqandamathe sakhe uAlutha Pasile. Umzimba kaMtebeni ubonwe usesutikheyisini esitalatweni eQuigney eMonti, abe amanye amalungu omzimba esendlini.

Emva kokuba lo mlandeli weANC ecelwe ukuba athobele umthetho wokunganxitywa mpahla zemibutho yezopolitiko kulo mngcelele, uye wabonakalisa ukungawuvisisi kakuhle lo myalelo.

https://web.facebook.com/sithandiwev/videos/909020450046071

“Bayageza aba bantwana (abafundi). Ndikhokele eMzantsi Afrika mna, ndingumbutho okhokeleyo apha eMzantsi Afrika – mandingaxelelelwa ukuba mandingazinxibi [izinxibo] zombutho wam. Ndingumfazi ke futhi, ndizoxhasa umfazi apha.

“Bayandixhaphaza aba bantwana (abafundi),” utshilo lo mlandeli weANC.

Amatyeli ngamatyeli, abaququzeleli bomngcelele bebemelela ukuba umngcelele mawungenziwa intshukumo yezopolitiko.

UKhanyisile Samente, oyinkokheli yabafundi yaseFort Hare, apho ebefunda khona uMtebeni, uthi kudala babamba uqhankqalazo bengaziboni iinkokheli zabezopolitiko. “Makungasetyenziswa esi sehlo ngeenjongo zokufezekisa iminqweno yezopolitiko. Kudala sabamba uqhankqalazo (Fees Must Fall) asizange sababona abezopolitiko,” utshilo uSamente, ethetha neSABC.

Ngethuba umngcelele ufika phambi kwenkundla yaseMonti, abo bebenxibe imibala yemibutho yezopolitko bacelwe ukuba ukuba bathi gu bucala ukuze kuvulelwe iqonga abafundi namatshantliziyo amalungelo oluntu. Abanye bawuthobele lo myalelo, abanye abawuthobela.

Ityala leqabane likaPasile, lihlehliselwe umhla wamashumi amabini anesibhozo kweyoMsintsi. UPasile akakhange afune bheyile okanye igqwetha.