“Ndilahlekelwe yi-R14 000 yonke ngenxa yokuphapha”

Ibhungce
ngezikasibi seyinikezele ngamawaka alishumi elinesine onke eerandi intokazi
yaseBhayi emva kokurhanela unyawo lwemfene kuqhagamshelwano lwe intanethi
nabantu ababefake isibhengezo ngesithuba sobuxoki ngomsebenzi kwisikhephe
esichulela kwilizwe lase Australia
esaziwa ngokuba yiPrincess Cruise Line Australia.

uMichelle
Linger,  obesoloko encwase ukusebenza
kwinqanawa elolu hlobo, uthe amathemba akhe afe emva kokuphendula esi
sibhengezo nawasiva ngomhlobo wakhe waza wacinga ukuba sasiyinene. Uthe
bathabatha ixesha ukuphendula emva kokufaka kwakhe isicelo somsebenzi nge-intanethi.

“Emva
kweentsuku ezimbalwa emva koko basuka bathumela uxwebhu lwesivumelwano
somsebenzi besithi mandityikitye  kuba
isicelo sam somsebenzi samkelekile, emva koko kutyikitya baphendula besithi
ndizakukhe ndilinde kancinane kuba basalinde amaphepha –mvume kumagosa
aseAustralia ”.

Lo
kaLinger uthe aba bantu baba yintw’ ibila emva kwakhe bemxelela ngamaxwebhu
angamanye ekufuneka  etyikityiwe esithi
ngamanye kufunwa iimali.

“Ndathumela
imali engamawaka amane kuqala ndirhanel’ into etenxileyo koku,  emva koko bathi mandithumele amawaka-waka
alishumi ukuze ndizokulungiselelwa iVisa,  nayo ndayithumela.”

Uthe
abayekanga,  emva koko kuba banyuka
nomcinga besithi kusashota imali engamakhulu amabini nangona bebendithintile
besithi kwanele ngaleyo besendiyikhuphile.

 “Kulapho ndaqala khona ukuba namanwele
ndizibuza ukuba kutheni kuzakuxabisa kangaka,  ndohlukana nabo bantu emva kokucetyiswa
ngabantu bendilumkisa,  ndilahlekelwe yiR14
000 yonke ngenxa yokuphapha.”

UMichelle
uthi emva koko watyelela kwii-ofisi ezisebenzisana nePrincess Cruise Line,  iBlue Ensign wabeka ingxaki yakhe kubo, uthe
emva kolo tyelelo babeka isilumkiso kwikhasi labo le-website.