Kudala ndizula ndifunana nalo, Kudala ndibetheka ndikhangelana nalo, Kudala ndintlitheka ndifunisa ngalo, Kudala ndityhobeka ndimpampatha lona, Kudala ndilaqaza ndingazi noba lukweliphi icala, Kade ndaba sisibhadu-bhadu ndinjengebhadi.
Ndichol’uphunguphungu ndabuzisa ngalo, Suka wageqezis’intloko caba akanalwazi, Kunoba andibonise wena undilathazelisile, Ndilathazile ndaba sesosilatha-latha, Isilatha-latha esingazazi noba siya phambili okanye emva kusini, Ndikhalis’isabhokhwe ndisithi ndakuva, ngesikhalo esithi”UNGANDIPHANYAZI” Suk’ingqondo yema sendiphelelwe lithemba.
Ndiphelelwe lithemba ndisekwelophulo, Ndakuphelelwa lithemba ndiphelelwe, nangamandla ndisekolohambo, Ndingekalugqib’uhambo ndaphelelwa ngumonde, Ndakuphelelwa ngumonde ndabhatyaza, Ubhatyaza kwam kundifundise isifundo, Isifundo sokuba ndizifundise ukulinda.
Ndahlala phantsi ndacuntsula kule yabantwana, Ingqondo yam ibiseyonganyelwe yimitha yothando, Ndilila ndingaziva noba ndiyalila, Intuthuzelo ndakuyifumana mhla lathi gqi, Ndicuntsula kwezikaDavide izibhalo, Engxingongweni yam ndikhala kuWe Yehova ndiphendule, Kungani ke ngalo mzuzu xa ndikoluphulo undiyekela.
Kwathi kuba indlebe yakhe ayikude uba ayingesabeli, UnguThixo ovayo nosabela ngexesha lakhe, Akubanga kudala zosulwa ezonyembezi, Ubambo lwam luthe gqi kwicala ekwathi gqi kulo izazi, Ndaqala ndombath’ingubo yoncumo, Ndaleka ngengubo yolonwabo, Ndamoxuth’ingubo yobutshijolo Wafika waqokelela ingceba zentliziyo yam.
Ndolula isandla sasekunene ngenjongo yokuzinikela, Pholisa la manxeba akulentliziyo yophayo, Ndange okwexeshana wosule ezinyembezi, Ukubuya kwakho kundinika ukuphumla emphefumlweni, Ndiyakwamkela njengonyana wolahleko, Ndikwamkela ngentliziy’emhlophe nenoxolo, Nam mandisele kulo mthombo wothando, Kucac’uba ndilufumene ubambo lwam.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi