‘Ndimve ngevumba umzukulwana’

WASHIYEKA esentlungwini emva kokubhujelwa ngumama wakhe eneminyaka elithoba ngo2018, ntlungu leyo ephinde yavuseleleka kule nyanga emva kokuyalelwa yinqununu yakhe esikolweni ukuba makakhangele ifowuni etshone elindleni.

Lo mfundi, oza kugqiba iminyaka elishumi elinesibini kwinyanga yeKhala, uvele akhale xa ebalisa ibali lokuyalelwa yinqununu yesikolo sakhe, uLuleko Mgandela (49), ukuba makangene kwindlu yangasese akhangele ifowuni yale nqununu etshone elindleni.

Oku kwenzeke ngomhla wokuqala kule nyanga eLuthuthu JSS eUgie. Le nqununu, eneminyaka engamashumi amane anesithoba, iyalele lo mfundi ukuba akhulule impahla, ze wafakwa intambo ezimbanjeni, wangena ethenjiswe ngeR200 xa eyifumene ifowuni. Uzamise evuyavuya elo lindle wabuya nemband’ esikhova. Uthe akuba engayifumenanga ifowuni, akanikwa nepeni egoso. Lo mfundi uzonikwa iR50 emva kwesankxwe sabahlali abaxhalabileyo.

Esi senzo sikhokelwe ekunqunyanyisweni nasekubanjweni ngamapolisa kwale nqununu, yabekwa ityala lokuzama ukubulala.

Umakhulu wale nkwenkwana uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba waqaphela ngevumba ukuba kukho undonakele kumzukulwana wakhe.

“Ndeva ivumba xa esekhaya ebuya esikolweni ngala mini kwenzeke le nto kuye, ndambuza ukuba yintoni le inuka kuye. Akazange athethe nyaniso de ndafumanisa kubhululu afunda naye esikolweni ukuba umzukulwana wam ebekhutshiswa ifowuni elindleni lendlu yangasese.

“Ayizange indonwabise le nto, futhi ayikandonwabisi nanamhlanje. Ingxaki kukuba andiyazi ukuba bekutheni ukuze kukhethwe yena. Inkxalabo yam kukuba andiyazi ukuba iza kumphatha njani umzukulwana wam yonke le nto,” utshilo lo makhulu.

Ummhlali owaziduba esihla esenyuka efuna ukuba uxoxwe lo mba, uthi oku ukuve kwiintsuku ezintathu emva kokuba kwenzekile.

“Emva kokuba ndiyivile ndiye kwilungu leSGB (ibhodi elawula isikolo), ndamxelela le nto ndisithi ndicela kubanjwe intlanganiso malunga nayo. Eli lungu leSGB ndithe maliyidlulise kwisigqeba sesikolo le nto, kodwa ndifumanise ukuba akazange ayenze lo nto.

“Ngomhla ekwakuhlelelwe ukuba kuza kubanjwa intlanganiso, akazange abekho amalungu eSGB kodwa besiwaxelele. Abasemagunyeni esikolweni basikhuphe ngosomvana besithi akunakubanjwa ntlanganiso engekho amalungu eSGB, sabe kanti siyaphuma esikolweni ngolo hlobo.

“Isizathu sokuba ndiyiphakamele le nto kungenxa yokuba ndisikwe inimba ngento eyenzeke kulo mntwana,” kutsho lo mhlali.

UPetros Majola, weKhula Community Development Project, nguye oqale wenza intlabamkhosi kumaqonga onxibelelwano kulandela ividiyo ebicacisa ngesi sehlo salo mfundi.

Itshantliziyo lamalungelo wabantwana uPetros Majola UMFANEKISO: FACEBOOK

“Le nto yenziwe yile nqununu ibifana nokubulala le nkwenkwana. Yiyo le nto ndithi ityala lokuzama ukubulala limfanele. Ukubanjwa kwakhe kusenza sivuye kodwa hayi mna ndedwa koko noluntu, amatshantliziyo kwakunye nabanye abantu abakholelwa.”

UMajola uthi ufuna isuswe kuluhlu lootitshala le nqununu, kuba wohlulekile ekukhuseleni umntwana.

“Lo mntwana udandathekile, ebelila. Le nto iza kumthatha ixesha elide, yiyo le nto ndiye ndakhweba isebe lophuhliso loluntu ukuba limthuthuzele ngokwasemphefumlweni,” kutsho uMajola.

Isebe lezemfundo eMpuma Koloni liyinqumamisile le nqununu. UMphathiswa wesebe uFundile Gade uthe: “Yinto engaphaya kwehlazo le kubangwa ukuba yenziwe yinqununu yesikolo esiyithatha njengomzali kwakunye nomntu ekungabonelwa kuye lolwa luntu.”

Le nqununu ibanjwe ngamapolisa ngoMvulo yabekwa ityala lokuzama ukubulala, kodwa ngethuba ivela enkundleni ngoLwesithathu abasemagunyeni baveze ukuba ibekwe ityala lokuphatha gadalala umntwana. UMgandela ukhululwe ngebheyile yeR2 500. Uza kuvela kwakhona enkundleni ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kuCanzibe.

Imiqathango yebheyile kukuba angawubeki umcondo esikolweni futhi angaphazamisani namangqina.