‘NdinguLwandlekazi Khusela Diko, iNdlovukazi yeSizwe samaBhaca’

ISITHETHI sikaMongameli Cyril Ramaphosa, uKhusela Diko, uphumele elubala kule veki, etyakatya kuFacebook imbali ngobukumkani bamaBhaca futhi ekwabulela nomyeni wakhe, uKumkani uMadzikane II Thandisizwe Diko, ngeminyaka yothando nemigcobo.

UDiko, inkosazana yeSizwe sabaThembu eMthatha, uthi yinto indala into yokubangisana ngemiba yasebukhosini watsho ekwaveza ukuba abanye abantu mhlawumbi ulwazi lwabo ngesizwe samaBhaca luphelela xa bedlula kwaBhaca (ebifudula isaziwa njengeMount Frere) ngohola wendlela uN2.

“Ukusukela kwakudaladala ubukhosi okanye le nto abanye bayibiza njengobunkokheli bemveli, kudala baxikixwa yimbangiswano. Le nto ayiqali ngathi, futhi ayizugqibela ngathi.

“Inzala yelungelo legazi lobukhosi ayisokuze itshintshwe okanye icinywe ngenxa yokuba ingangeni kakuhle okanye ingabaphathi kakuhle abanye. Inzala yelungelo legazi lobukhosi ayixhomekanga kwisigunyaziso sikarhulumente,” utshilo uDiko.

UDiko ubalule iCandelo 1 (2) lomthetho ongukhala kubunkokheli bemveli, iTraditional Leadership and Government Framework Act 41 ka2003, elithi “akukho nto equlathwe kulo mthetho enokuthintela amalungu esizwe semveli ekubizeni inkokheli yemveli ngesikhundla sobunkokheli esixakathiswe yona…”

Ngokwezigunyaziso zikarhulumente, iikumkani zaseMpuma Koloni zisixhenxe: AmaXhosa eNqadu, AmaRharhabe eMngqesha, AbaThembu eBumbane, abaThembu baseNtshona eRhode, AmaMpondo eNdimakude, AmaMpondo aseNtshona eNyandeni kwanamaMpondomise eKroza.

UDiko uthi: “Lilonke ke siziqhelile wethu ezi zinto eBukhosini. Asisokuze sothuswe ngabantu abasilwayo, ingakumbi esizalwa nabo. Njengeqela eliphikisayo, into abanayo kukuphikisa. Yiyo lo nto kukho idabi leenkulungwane phakathi kweeKumkani uHlanga noDlomo. Sesosizathu kanye apho uKumkani Shaka, hayi ubhuti wakhe uSigujana, wathi wangena kubuKumkani bamaZulu. Ikwasesosizathu esibangela ukuba izindlu zobukumkani eziliqela zingagunyaziswa namhlanje, kodwa zibe ezinye ziqhubeka nokugunyaziswa.”

“Esibathele nqa ngabo banolwazi oluphelela ekudluleni eMount Frere kuN2 xa usiya eMthatha okanye eBhayi, okanye nakweyiphi na indawo. Besingathemba ukuba babenolwazi oluphangaleleyo, hayi nje iSizwe samaBhaca nemingeni, amathuba, iminqweno neenkxwaleko zaso,” utshilo uDiko.

UDiko uthi amaBhaca sisizwe esipheleleyo nesizimeleyo. “AmaBhaca sisizwe esizimeleyo, esenziwa zizizwe ezahlukeneyo ezafulathela isizwe sakwaZulu zingoyiswanga yiKumkani yamaZulu, futhi bawoyisa amabutho wamaZulu kwimfazwe eyayikwintaba iNsizwa. UKumkani Madzikane, ezalwa nguKhalimesh, wabangumseki kwanekumkani yesizwe samaBhaca esasisaziwa njengamaZelemu. Unyana kaMadzikane, uKumkani Ncapayi, kwiNdlu eNkulu, wazala uDiko noSogoni, kwindlu yasekunene yanguMakaula ze kwiqadi lendlu enkulu yanguDabula.”

“UKumkani uMadzikane II Thandisizwe Diko ngoyena oselungelweni lwalo mnombo. Yiyo le nto ndimbhiyozelayo. Isithandwa sentliziyo yam, iKumkani yeSizwe samaBhaca. Ndiyakubulela ngale minyaka mithandathu yoqhakazo. Ndiyazingca ngokubiza umyeni wam,” utshilo uDiko.

“Ngubani na lo mfazi othetha ezi zinto, abanye inokuba bayazibuza? NdinguLwandlekazi Khusela Diko, inkosazana yeNdlu eNkulu yabaThembu, isizalo sikaKumkani Hlanga neNdlovukazi yeSizwe samaBhaca,” ulebele njalo uDiko.

Ngenyanga yeThupha kulo nyaka, iqela elithile lamaBhaca lakhupha imbalelwano liyikhaba eyokuba uKumkani uMadzikane II Thandisizwe Diko yikumkani yamaBhaca.

“UThandisizwe Diko ngubhuti wethu kwaye yinkosi Elubhacweni (kwaBhaca), ayikho enye into. Ngaphandle kokucubhula abantu ngembali yesizwe sethu, abantu abayaziyo imbali bakukhumbula ukuba emva kokusweleka kukaKumkani Ncapayi, asizange sabanayo iKumkani. Isizwe sethu asinandlu yobukhosi bobukumkani. Emva kokukhothama kukaKumkani Madzikane kaZulu, ayikho enye inkosi kwikomkhulu ebizwa ngaye,” yatsho le mbalelwano, ezantsi ibhalwe uSiphiwe Bhaca Makaula.