Ndininqwenelela konke okuhle kwiimviwo!

Njengoko zixheshekile ukufika iimviwo kule nyanga, amaxhala ayatsho kwaye nokubhuduzela kuyangenelela kubazali nakwiintsapho zabo babhalela ibanga leshumi kunyaka ka2016.

Ngaphandle kwentandabuzo, eyona ndlela yokuthoba amaxhala nokuphatha uyeka kukumisa ingqondo kwaye ubenokuzithemba.

Ukuphumelela kubonakala xa umfundi ethe wazilola ngendlela echubekileyo nebonisa ulwazi oluphangaleleyo. Ngoko ke akukho mntu unokubeka ityala kubazali abazakuthi baxhalabele abantwana babo abachophele iimviwo.

Kuye namphi na umzali, akukho lula ukubukela umntwana wakho exwaye idyokhwe enzima yomsebenzi wesikolo kunye noloyiko olubangwa ziimviwo kube kungekho nto unokuyenza nje ngomzali encedisana nomntwana.

Yiyo lonto kulula ukuva umzali esithi “Sebenza ngokuzimisela” okanye “Ukuba ubuqale ukulungiselela imviwo kwinyanga ezintandathu ezidlulileyo” kude kuphele kuqala neengxoxo ezibangelwa lixesha elinganelanga lokufunda komfundi, kuye kunyanzeleke umzali aphe umfundi umtyhi nethuba lokuzilola.

Ngaphambi kweemviwo, kubalulekile ukuba umzali ahlale ekhuthaza, hayi ukuba ahlale egxeka okanye etyhafisa, kukwabalulekile ukuba umzali enze konke okusemandleni ukuncedisana okanye ukwenza izinto lula kumfundi

Ngeli thuba enyakeni, ixhala yinto elindelekileyo kuba ibanga leshumi lilo elivulela umfundi iingcango, kwaye ukupasa ibanga leshumi linqanaba lobomi elahlula umfundi ebuntwaneni limfake kwibakala lobudala.

Into ebalulekileyo kukubonisa abo bazakuhlalela iimviwo ukuba ngokuzimisela kwabo benzela bona nekamva labo. Konke ngoku abakwenzayo bakwenzela ukuqaqambisa Ikamva labo. Ngoko ke kubalulekile ukuba bathathe uxanduva bazimisele kwezi mviwo.

Abazali nabo banenxaxheba ekufuneka beyidlalile, nazi iingcebiso ezihlala zibabazwa, ngoogqirha bengqondo, iinzululwazi kunye nabantu ekuhlaleni.

Inxaso yomzali: Abazali ngabantu bokuqala ukunika inkathalo nenkxaso. Khuthaza umntwana wakho ukuba azinike ithuba elaneleyo lokulala, kusasa qinisekisa umenzela isidlo sangentseni esine sondlo. Le izakumenza umntwana wakho azive ebalulekile kwaye abenokuzithemba.

Isimo esihle sentliziyo: Ngamanye amaxesha iimviwo ziza nokukhathazeka emfundini nemisindo ekhawulezileyo. Kubalulekile ukwamkela. Hlukana nokufaka uxinzelelo emntwaneni wakho.

Thatha ikhefu xa ufunda: Nje ngomzali, qinisekisa ukuba umntwana wakho uyaphumla xa afundayo. Mkhuthaze umntwana wakho ukuba ahlale afunde ebusuku kodwa qinisekisa ukuba uyaphumla angafundi oko kuba oko kuyayidinisa ingqondo.

Itya ukutya okunezondlo: Umfundi ovavanywa kwiimviwo umele ahlale esitya khona ukuze afumane Amandla, ingakumbi ukutya okunezondlo. Umzali makaqinisekise ukuba upheka ukutya okuya egazini.

Bhekela kwiziphazamisi: Abanye abafundi baye bachithe ixesha labo bebukele umabonakude ngelithi baphumza ingqondo, bencokola nezihlobo okanye kumaqonga onxibelelwano. Qinisekisa ukuba uhambela kude kwizinto ezinokubangela uphazamiseko.

Musa ukufunda ngokungxama: Kuxhomekeke kwindlela umntu ayiyo, ukufunda sele kushiyeke ixesha elincinci kwenza umntu abambe eyeka, ngoko kwixesha elininzi ngabo bebehleli benokuqonda abathi bakwazi ukubamba ulwazi ngomzuzu wokugqibela. Kungcono umfundi aziphe ithuba apho azakumana ezibuza imibuzo khona ukuze abone okumsokolisayo atsho agxile kuko.

Wahlule umsebenzi: Ukuba unomsebenzi omninzi ekufuneka uwufundile, kungcono uwahlule umsebenzi ungawufundi wonke ngexesha elinye. Bhala phantsi izinto ofuna ukuzizuza, Sebenza nzima ukuzuza oko emva koko uziwonge xa uthe waphumelela.

Lala ngokwaneleyo: ukunceda umzimba wakho, lala ixesha elaneleyo ukwenzela umzimba ungazukutyhafa xa kufuneka ubhalile.

Okokugqibela, khumbula oko kwathethwa yinzulu-lwazi yesingesi uThomas Hobbes xa wathi “Funda oko kudingwa yingqondo”

Kubafundi bebanga leshumi kunyaka ka-2016 nakuni bazali, ndininqwenelela impumelelo kwiimviwo ezizayo. IPhondo leMpuma Koloni lilinde ukuvuyisana nani ngamehlo abomvu.

UPhumulo Masualle yiNkulumbuso yePhondo le Mpuma Koloni.