‘Ndinkulwe ngamajoni’

USandisiwe Qwase ngethuba esandul ukubethwa ngamajoni Umfanekiso: Uthunyelwe

USandisiwe Qwase noneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ubudala uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba soze alulibale usuku lwangoMgqibelo, nekulusuku ankulwe ngalo ngamajoni.

“Sidibene namajoni kunye namapolisa ngakwirenki yeetekisi yaseKhayelitsha eSite C, aye ayalela umqhubi esasihamba naye ukuba amise ecaleni ukuze bazokwazi ukusisetsha,” utshilo uQwase.

Uqhube wathi emva kokuba beyalelwe ukuba baphume emotweni amapolisa aye abasetsha kuquka nemoto.

“Ngethuba singekasetshwa kukhona ijoni elaye lafuna ukundisetsha kodwa ndalixelela ukuba alinalo ilungelo lokwenza lo nto, sonke saye sayihleka lo nto kuquka nalo,” utshilo.

Emva kokuba besetshiwe uthi baye babuyela emotweni, kulapho wathi wabona ipolisa lisiza kuye lizomxelela ukuba indlela athethe ngayo ibingavumelekanga.

“Ela polisa lafika sele linditsalela ngaphandle lisithi mandiyokuxolisa kuba ndithethe krwada nejoni, ndabuza ukuba ndithethe ndathini na, zange liphendule laqala landitsalela ngaphandle.”

Watsho esithi bathi bakumtsalela ngaphandle bamsa endaweni engathi yikona nekulapho bafike bambethela khona.

“Ndibethwe ngamajoni kodwa emotweni nditsalwe lipolisa, lilo elinditsalele kuwo, hayi bandinkula ndade ndamongoza,” utshilo uQwase.

UNcediswa Majalamba noneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala, nobehamba noQwabe, uthe ngethuba itshomi yakhe itsalwa ngamapolisa zange bacinge ukuba baza kuyibetha.

“Sothuka xa sibona amajoni embetha, amapolisa la abe ebukele wona phofu ekhona abethayo kuba babe baninzi kakhulu, saye sazibuza ukuba ingaba ubethelwani na, kulapho ndaye ndaphuma khona emotweni xa kanye ndisiya babe beyeka ukumbetha,” utshilo uMajalamba.

Ngethuba bemyeka ebesele emongoza kakhulu kwaye nabo bebonakala ukuba bothukile kukubona esopha.

“Hayi andiyazi eyona nto bambethele yona, akukho kwanto ayenzileyo qha bebefikelwe kukuxhaphaza nje.”

UQwase uthi inye into ayifunayo kukuba amajoni abhatale kuba ambethele into engekhoyo.

“Ndihlala ndisiva kusithiwa amajoni ayabaxhaphaza abantu, bendingayikholelwa kwaye bendingazi ukuba iya kuze yenzeke kum kodwa ngoku nam ndiyakungqina oko, ayaxhaphaza,” utshilo uQwase.

Isithethi samaPolisa aseKapa, uCaptain Frederick C Van Wyk, uthe ityala lokubetha livuliwe kwaye liyaphandwa.

“Ityala eli liphantsi kophando kwaye akhona amathuba okuba ligqithiselwe kwiIndependent Police Investigative Directorate (IPID),” utshilo uVan Wyk.

isibhalo@inl.co.za