‘Ndiphantse ndafa!’ – ohlaselwe ngamapolisa

UMzwandile Ngqoleka nongumnikazi weetekisi ufuna amapolisa adubule kwakhe aze onakalisa nezinye izinto abhatale Umfanekiso: Buziwe Nocuze

Usazibuza ukuba usinde njani na umnikazi weeteksi waseKhayelitsha eKapa kulandelwa ukuhlaselwa ngamapolisa emzini wakhe.

UMzwandile Ngqoleka noneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe ubudala, uxelele I’solezwe ukuba ibizizithuba zentsimbi yokuqala ekuseni ngethuba esiva ukuba kukhona abantu abangaphakathi eyadini yakwakhe.

“Ngokothuka ndivukile ndabuza ukuba bangoobani kwaye bangene njani na, kanti baqhekeze igeyithi ze bangena ngaphakathi, mna ndibeva kanye xa beqhekeza umnyango kuba beza kungena endlini,” utshilo uNgqoleka.

Uthi uthe akubuza ukuba bafuna ntoni na baqala badubula. “Ndibabuzile ukuba bafuna ntoni na, bandixelela ukuba bangamapolisa mandivule, ndithe xa ndibuza ukuba kutheni bezivulela nje badubula, kulapho ndibone khona ukuba nam mandidubule kuba ngendlela ebebesenza ngayo bebezondibulala,” utshilo .

Ngelingeni uye wawavulela ze amxelela ukuba ahletyelwe malunga nomsebenzi awenzayo wokuthengisa iziyobisi kunye nemipu engekho mthethweni.

“Indlela abenze ngayo indothuse kakhulu, abandophulelanga iminyango negeyithi nje kuphela, kodwa bacime yonke into ebonakalisa ubukoli ebebeyenza ngethuba bengena apha.”

Into ayifunayo kukuba amapolisa alungise umonakalo awenzileyo ambuyisele nompu wakhe awuthathe ahamba nawo.

“Ndiyile kwisikhululo samapolisa eLingelethu ukuyokuvula ityala ngakula mapolisa kodwa okundothusileyo kukuxelelwa ukuba andizukwazi ukwenza njalo kuba sele endivulele ityala lokuwadubula, iyandixaka ke lo nto kuba ngabo abadule kuqala bengakhange bathethe,” utshilo uNgqoleka.

Watsho esithi bengabantu beetekisi yeyona ndlela babulawa ngayo le enze ngayo la mapolisa kuba akakwazi ukuvele angene sele esilwa.

“Ngendisiva ukuba badubule kuba ndingafuni kubavulela, kodwa akwenzekanga njalo, bafike bezixelela ukuba bazondibulala nje, phofu andinazo nezo ziyobisi bathetha ngazo.”

Ngethuba kusenzeka yonke le nto ubelele nonyana wakhe oneminyaka elishumi elinesine. “Umntwana wam wothukile kuba naye bebemkhombe ngompu logama begqogqa ezi ziyobisi nemipu le baxokiselweyo kwathiwa ndiyazithengisa.”

Watsho esithi ukuba ebengadubulanga ngebembulele kuba la mapolisa aye akhwaza emva kokuba naye edubule amxelela ukuba makavule.

“Kutheni amapolisa eza kusebenza njengootsotsi ngoku? Kutheni bengaqali bafune ukuvulelwa ze xa ingenzeki lo nto bandule ke bazame iindlela zokungena hayi ezokuzama ukubulala, ndifuna abhatale wonke lo monakalo awenzileyo.”utshilo uNgqoleka.

Isithethi samaPolisa aseKapa uSergeant Noloyiso Rwexana, uthe ixhoba malindwendwele isikhululo samapolisa siyokufaka isimangalo kuMphathi-sitishi malunga nendlela angaxolanga ngayo yinto eyenziwe ngamapolisa.