‘Ndiphupha emini, hayi ebusuku’ -Hlaudi

IGOSA eliphezulu elijongene nolawulo kwiSABC uHlaudi Motsoeneng uthi umahluko phakathi kwakhe nabanye abantu kukuba akaphuphi ebusuku, uphupha emini.

UMotsoeneng, okwisikhundla (Chief Operating Officer [COO]) esiphezulu eSABC nangona nje engazange aliphumelele ibanga leshumi (Grade 12), uthi wazixelela ngethuba eqeshelwa ukuba ngumvelisi weendaba kwiLesedi FM ukuba ngenye imini uyakuze ayiphathe iSABC.

“Isakhono nokuzimisela ngoyena ndoqo. Ndandiyazi ukuba ngenye imini ndakuze ndiyiphathe iSABC. Umahluko phakathi kwam nabanye abantu kukuba mna andiphuphi ebusuku, ndiphupha emini futhi ndikholelwa ukuba nantoni na endifuna ukuyenza ingenzeka,” utshilo uMotsoeneng ngethuba ethetha nenkqubo uSijik’ iLanga kuMhlobo Wenene ngoLwesihlanu.

“Njenge-COO yeSABC ndiyafana nokuba ndiyinjini yale nkampani. Ukuba ngu-COO sisikhundla esifuna ubuchule obungaphaya,” kutsho uMotsoeneng.

UMotsoeneng uthi, usazimisele ukuwusebenzela lo mzi wosasazo, ingakumbi ukubona iilwimi ebezifudula zijongelwe phantsi zifumana ingqwalasela. “Ndifuna ukubona ngenye imini kukho uchunge-chunge (soapie) lomdlalo wesiXhosa kumabonakude. Zonke iilwimi kufuneka zisetyenziswe ngokulingana eSABC.”

Ukwathe, owona mculo ufanelwe ukuba udlalwe kwiSABC ngumculo walapha eMzantsi Afrika. “Masiyeke ukucinga ukuba singabantu baseMelika. Singama-Afrika, lo nto sokuze itshintshe,” utsho uMotsoeneng.

Uthi abantu abamnyama mabayeke ukukhalaza besithi akwenzeki nguqu eMzantsi Afrika “kuba sisisininzi, futhi siselulawulweni”.

Kwixeshana nje elingephi elidlulileyo, uMkhuseli woLuntu uThuli Madonsela wayalela ukuba afakwe phantsi kwenkqubo yoluleko uMotsoeneng emva kokuba emfumene ukuba “waphosisa” esithi unesatifikethi sikaGrade 12, kwaye waphinda wonyusa umvuzo wakhe “ngendlela egwenxa” kwaSABC.

Emva kwale nkqubo yoluleko uMotsoeneng, wafunyanwa engenatyala kweyoMnga nyakenye.