‘Ndisaphaphazela nangoku’

UMsondezi Cronje (50) uthi usaphaphazela nangoku xa esiva into ekhalayo okanye isithonga sento kuba kubangathi kungoba busuku kwakuqhushumba into abangayaziyo emsebenzini wakhe kwaFeltex Factory ezinze kwindawo yemizi-mveliso i-IDZ eMonti.

Kodwa kunjalo uthi usabulela nangoku ngokusinda kwabo bengabasebenzi kuba ngesele kuthethwa enyinto ngabo kungoku. Iintetha zakhe zilandela emva kokuba ngobusuku bangomhla wesithathu kule nyanga sikuyo kwathi kwaqhambuka umlilo kwacima nemibane emsebenzini wakhe bephakathi emsebenzini.

UCronje uthi babelungiselela ukuphuma emsebenzini ngethuba bewelwa zizixhobo entloko. Ngolo suku wayengene ngentsimbi yesibini emini eza kuphuma ngeyeshumi ebusuku.

“Sabona kakubi kakhulu kuba ndithi nangoku ndizihlelele apha endlini ndithi ndakuva isithonga ndixhume kuba ndisothukile. Sasilungiselela ukutshayisa sigqibezela, seva ngesithonga kwabe sele kutaka umlilo sekucima nombane kubamnyama kwabe kusiwa namazinki la aphezulu. Kuba singazi kwenzekani sabaleka saphuma phandle sisindisa ubom bethu. Sasinda kuba akukho mntu uthe wasweleka sabe sele sibalekiselwa kwisibhedlele sabucala eSt Dominics,” uthethe watsho okaCronje.

Emsebenzini wabo benza iimethi zemoto nabathi bakuzigqiba bazithumele kwiinkampani ezenza iimoto ezifana noDaimler Chrysler. Uthi akakabingcono ngokwasempilweni:

“Ndiyalibona neli lisebunzi inxeba eyona ndawo ibuhlungu yintamo kuba zawela kum ezinye izinto kwakunye nedolo lasekunene,” utshilo uCronje.

Amaxhoba emsebenzini awakabuyeli okwangoku nanjengoko esajongene nempilo yawo. UCronje uthi unobangela woku awukaziwa.

Isithethi samapolisa aseMonti uHazel Maqala, udiza ukuba unobangela woqhushumbo kungenxa yamachiza abawasebenzisayo xa besebenza.

Abantu abathi bonzakala ngamadoda asibhozo kwakunye nabasetyhini abathathu.