Ndisayoyika indlu ekubulawelwe kuyo unyana wam’

Andikayi kula ndlu unyana wam uAkohlulwa (6) abulawelwe kuyo yindoda ebendithandana nayo ndiyithembile, kuba andikakulungeli uyokungena kuyo iza kundibuyisela umva. La ngamazwi kaNosisa Yirhole (29) ongumama kaAkohlulwa onkalwe phantsi ngobuso wabhubha, enkalwa yindoda abahlala nayo nethandana nomama wakhe, enkalelwa ukuba esuke wakhala uAkohlulwa kwaye ezama nokunqanda le ndoda ebifuna ukudlwengula usisi wakhe one-12 leminyaka ubudala.

Oku kwenzeke kwilali yaseNgcwazi kuCentane ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini kule nyanga. Kwenzeke kusasa ngethuba umama wexhoba eselalini kumzi ebekungcwatywa kuwo, eshiye abantwana kwakunye nale ndoda njengesiqhelo.

Encokola neli phephandaba, uthi kufike umyalezo wokuba akhawuleze afike ekhayeni, xa efika ngasekhabhathini nankuya unyana wakhe edunduluze pha kodwa wabe esaphila kodwa etsala nzima ukuphefumla ngenxa yeentlungu. Umntwana wabe edumbe ibunzi kwakunye nomlomo njengoko ebenkalwa phantsi ukuba makathule yile ndoda. Umntwana ubhubhele endleleni eya esibhedlele eGcuwa esiwa ngumzala kaNosisa emva kokuba iambulensi kwakunye namapolisa engade afike.

“Ayikangeni ncam yonke le into kum yenzekileyo, ndisenomothuko nokungakholelwa ukuba ezi zinto zenziwe ngumntu ebendimthembile. Kuvele kwenzeka izinto ezintathu ngesaquphe kwaye ngaxeshanye, zisenziwa ngumntu oqhelileyo ukushiyeka naba bantwana, obe bakhusela, ndimthemba kuba ndingazange ndibone zimpawu zazimbo kuye,” utshilo uYirhole.

Lo mama unabantwana abahlanu, uAkohlulwa ibingowesine ebantwaneni bakhe. Owale ndoda mnye kwesi sihlanu ngulo wokugqibela. Uthi uqhelile ukuhamba ashiye le ndoda kwakunye nabantwana kuba ingumntu ebehoya.

“Kula ndlu kwenzeke kuyo esi sihelegu andikayi, andikakulungeli ukubona la mibono ndayibonayo. Nabantwana bakulo Akohlulwa basaphakuzela abafuni nokushiyeka bodwa nabo bayayoyika la ndlu. Nokuba kusemini bafuna ukukhatshwa,” utshilo uYirhole.

Uthi umntwana ungcwatywe ngamabonandenzile ngoLwesine kwiveki ephelileyo, ibhokisi uncedwe ngabangcwabi bakwaMakinana. Uthi ucela uncedo nakubani na onokuthi azokwazi ukubhatala amatyala awenzileyo ngethuba elungiselela umngcwabo wonyana wakhe.

Ingxelo ithi le ndoda ibanjiwe iseziseleni zamapolisa kuCentane ngetyala ejongene nalo lokonzakalisa kwanokubulala.