‘Ndisindiswe kukuzifisa!’

Intombazana yaseSamora eKapa ibonisa imikrwelo yokukrwitshwa

Ibulela izinyanya nomdali intombazana yaseSamora eKapa kulandela ukusinda ekubeni lelinye lamaxhoba okubulawa. Ithetha neSolezwe le ntombazana ithe ibinguMgqibelo ngethuba icelwa ziitshomi zayo ukuba baye kwindawo yolonwabo eGugulethu.

“Ngethuba bendicela ndiqale andavuma kuba bendidiniwe kodwa baye bandicenga ke de ndavuma nam ukuhamba nabo,” utshilo.

Eli xhoba liqhube lathi bathe xa befika eGugulethu laziva ukuba lidiniwe kulapho licele abahlobo aba balo ukuba baligoduse.

“Ngethuba sisiya eGugulethu besihamba ngemoto eqhutywa ngabafana ababini abaziwa zitshomi zam, ndithe xa ndicela ukugoduswa bandicelela kwaba bafana,” litshilo ixhoba.

Liqhube lathi endleleni eya eSamora iye yatshintsha indlela ze bayongena kwicala ekunehlathi kulo.

“Iitshomi zam zona khange zihambe kuba bezisafuna ukonwaba, ngoko ndiye ndahamba naba bafana babini kwaye apha endleleni lo uqhubayo khange athethe nelinye ilizwi, umntu obemana ethetha ngulo undikrwitshileyo,” litshilo ixhoba.

Bathe xa befika kwihlathi elingaseLorraine Farm wayalelwa ukuba aphume emotweni, kodwa uthe akungavumi watsalelwa ngaphandle.

“Ndithe ndisamangaliswe kukukhutshwa ngaphandle emotweni ndeva ngempama, ndithe ndisothuswe yileyo omnye umfana wanditsalela kweli hlathi, lonke elo xesha lo ungumqhubi uthule uthe tu,” utshilo.

Uqhube wathi lo mfana uye waqhubekeka nokumbetha emkrwitsha kwaye eqinisekisa ukuba uyambulala.

“Ndibonile ukuba mandizifise kuba ndizamile ukuzilwela qha ebenamandla kakhulu wandohlula, emva kokuba ndizifisile uye wajika kuba ebuyela emotweni.” Eli xhoba kulapho libone ilitye elikhulu nelithe lalilathatha labetha lo mfana entloko.

“Andiyazi nokuba uye wafa na kodwa into endiyenzileyo kukumhlasela ngeli litye kwaye ebengalindelanga kuba ebezixelela ukuba undibulele, kwaye ndicinga ukuba ebebuyela emotweni kuba eyokubiza umhlobo wakhe bezokwenza lo nto bebeza kuyenza.”

“Ngendlela endibone ngayo mna bebefuna amalungu omzimba am kuba nangethuba endikrwitsha khange azame ukundikhulula ibhlukhwe, yilo nto ndicinga ukuba ebelanda itshomi yakhe ukuba bazokwenza umsebenzi wabo omdaka.”

Eli nina lithi esi senzo siliphazamisile kakhulu kuba aba bafana ebebathemba kuba besaziwa ziitshomi zakhe.

“Ndithanda ukucebisa abantu ukuba bangathembi namnye umntu,” utshilo.

Uthi khange aye emapoliseni ukuyokuvula ityala.

“Mangaphi na amatyala owaziyo apho kude kubanjwe nabenzi bobubi? Ndiza kuzilungiselela ngendlela yam yonke le nto kwaye aba bafana andiboyiki,” litshilo ixhoba.