‘Ndithandiwe nguThixo’

Momelezi Ndamase

Imvumi yomculo wokholo yaseZibungu eLibode ayiwuvali umlomo yimincili ngenxa yecwecwe layo lokuqala ngqa elithi “After Your Heart” nesele lidlalwa kwizikhululo zikanomathotholo eMzantsi Afrika. UMomelezi Ndamase, 24, uthi eli cwecwe ngumbulelo wakhe kumzali wakhe owe evuka naye kwakunye noThixo.

“Uzuko nokuthemba uThixo kuko okundibeke kule ndawo ndikuyo. Ngaphandle kokholo ngendingekho apha, ngendingazange ndibenemfundo enomsila ukuba ndandingazange ndinyamezele kwaye ndithembe uThixo. UThixo undithandile,” utshilo uNdamase.

Uthi uyazingca kuba njengokuba eliphelo kumama wakhe kodwa ungowokuqala ukuthwala isidanga. UNdamase ufunde kwiYunivesithi yaseFort Hare kwaye ngoku sele eqhubekeka noqeqesho ezikolweni.

Ngaphakathi icwecwe lakhe lineengoma eziyi14.

Uthi lo ngumbulelo wakhe emzalini kwaye ukwangqina namandla kaThixo. Uthi imvelaphi yakhe ayikhange ibe lula kwaye ayikhange imenze ukuba angabi yiyo le nto wayenqwenela ukuba yiyo ebomini.

UNdamase ukhule esindisiwe esazana noThixo kwaye ekwazi nokucula, ekwangenela namakhuphiswano omculo esikolweni, ngokokutsho kwakhe. Uthi buninzi ubungqina anabo ngoNkulunkulu. “Sele ndikhe ndagula bohluleka oogqirha, ohluleka namagqirha kodwa ekugqibeleni wandikhulula uThixo,” uvale ngelo uNdamase.

Le mvumi ithi ziliqela iimbasa esele izifumene esikolweni ngenxa yokuzimisela kwakhe.