Ndithukwe ndaxweba nguDr Nokuzola Mndende

Themba Ngada UMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

Kwakukudala ndandimbhalele incwadi ecengayo ndicebisa ukuba awehlise umbhalo awubhale kwakhe eDutywa e-Icamagu Institute ojonge kuhola omkhulu wendlela ephakathi kweTheku neMonti.

Lo mbhalo uthi: “Eli likhaya lesintu, ukuba uza ngeBhayibhile ungumngcatshi”. Ligama elikhulu ke eli lobungcatshi, lisisithuko esijoliswe kuthi bantu bafunde kwizikolo zesiBhalo nabakhokela abantu abaninzi abeza kuthi Cawa zonke, bezokumamela intshumayelo yethu ephuma esibhalweni.

Ndathi ndakuwubona ke lo mbhalo ndabhala incwadi engatywinwanga ndijonge ukuyipapasha ndixhokonxa amaKrestu ukuba aphendule kodwa ndazithenga ngelithi mandiyithumele kuye kuqala hleze andive awehlise lo mbhalo kungabikho sizathu sokuba ndihambe ndimhewula emoyeni, suke wandibuyekeza ngezinkulu izithuko zesilungu. Isihloko sencwadi yam sasisithi uDr Mndende makangathi xa exakene nokuchazela abantu ukuba iyintoni le nto yakhe athuke amaKrestu.

Ndaxabela ngelithi amaKrestu wona ayayazi into yawo, analo noluncwadi aqamele ngalo, angazathuza kuse xa ebuzwa ngobuKrestu bawo. Kunjalo nje anabo nobuqili bokubangula nezondawo ziwabhudisayo enkolweni yobuKrestu nasesiBhalweni.

Umzekelo, siyakwazi ukuyihluza inkcubeko yamaJuda kwimfundiso yobuKrestu ngoku zifumaneka kwincwadi enye zonke ezi zinto.

UPetros uthi amaKrestu angengo maJuda aguqulwe nguPaulosi makoluswe, uyala omnye uthi uphawu esilushiyelwe nguKrestu olubonisa inguquko lubhaptizo asilo lwaluko ngokwasebuJudeni.

Ndiyaqhuba kula ncwadi yam ndithi uDr Mndende wenza impazamo ngokuthatha inkcubeko yethu ma-Afrika enze inkolo ngayo de ayibize African Traditional Religion.

Ingxaki yale cawa yakhe kukuba amasiko akenziwa ngendibano, imizi kaloku yahluka ngeentlanti, ngoku xa sisendibanweni sakwenza elesiphi isiduko?

Eyesibini ingxaki yakhe khange awufunde umoya, iinkonzo ezizimeleyo zama-Afrika, amaZioni, amaKhushi, amaPostile, uShembe, amaSirayeli kaMgijima awazange alahle bu-Afrika ngokwamkela ubuKrestu, zinkonzo zabelungu ezazinyanzelisa loo nto kodwa ngoku ezi nkonzo ziphethwe ngabefundisi abantsundu, yaphela nakuzo into yokunyovunywa kobu-Afrika egameni likaKrestu.

Isihlava sesithathu yimpazamo ayenzayo eyenziwa nangamaKrestu eyithatha kubelungu, le yokunkonkxa inkolo ibe namalungu aguqukayo abhaliswe.

Ngumkhuba wasentshona lo wokuba nenkonkxa yayo yonke into eshukumayo, nto leyo eyothusayo nebhityisayo kum-Afrika, sasisoloko sinayo imfundo kodwa sasingenankonkxa yayo ekuthiwa kuyiwa kuyo: esikolweni.

Sasihleli sinayo inkqubo yobulungisa kodwa zange sibe nankonkxa yamasela ekuthiwa yintolongo, sasisoloko sinabo abagulayo sibanyanga kodwa singenankonkxa yabo ekuthiwa sisibhedlele, sasisoloko sinoThixo kodwa singenankonkxa yakhe ekuthiwa kuseCaweni.

Ayisiphethanga kakuhle le ndlela sikhonza ngayo sizimisele ukuyiguqula, yena uqala eyakhe icawa. Ikhwelo lam ke lalisithi kula ncwadi, ukuba unazo iintonga zokuxoxa le nto yakhe makeze nazo, nathi sikhuphe ezethu, angaqali ngokunyemba singekaqalisi.

Kaloku izinyembo engxoxweni zidla ngokuphuma kulowo sele ephelelwe ngamanqaku avakalayo okuxoxa.

Elesibini lalisithi makehlise la mbhalo ndingekamsi kwiKomishoni yezikhalazo.