‘Ndithunywe nguThixo eGwadana’

UMpostile wodumo waseKapa uMusa Joshua Mohlala, uthi uzakujijisana needimoni ezithimbe izinto zabantu kumahlathi aseGwadana naseBhijolo adume ngokusetyenziswa ngamagqwirha.

Lo Mpostile usendleleni esinge eDutywa eMpuma Koloni, nalapho likhoyo eli hlathi ukuza kujijisana neendidi zemimoya ezisokolisa iimpilo zabantu, ezekuthandaza ukuze abantu bakhululeke.

“Andithunywanga kwaSirayeli, ndithunywe kanye eGwadana ukuba ndiye kukhulula izinto zabantu ezibotshwe nguSathana nezithunywa zakhe kwela hlathi, qhude maniki-niki,” ucacise watsho uMohlala.

Lo mprofeti ukholelwa ukuba ukukhululwa kwezinto zabantu athi zibanjwe kwelo hlathi, zakukhululeka kuphela ngenxa yomthandazo wakhe.

Ingxelo ye-ofisi yakhe, ithi uMohlala uzakuba seGwadana ngoLwesibini umhla wamashumi amabini anesibhozo kule nyanga, kude kube ngumhla wamashumi amathathu.

“Kukho isiprofeto esivela kuThixo esindithuma kula mahlathi asetyenziswa ngamagqwirha, amahlathi anje ngeGwadana, izinto zabantu zigcinwa kula mahlathi, kukwagcinwa nabantu kweli hlathi besenziwa izithunzela,” uthethe watsho uMohlala.

Nangona ezakuhlala iintsuku ezintathu kweli phondo, lo Mpostile uthi uzakugqitha aleqe eKapa ukuya kuthandazela abantu ababotshwe nguSathana.

“Ndilindele onke amadoda anomoya kaThixo aphuma kwiimvaba zonke ukuba eze kuba yinxalenye yalo mthandazo wokukhululwa kwabantu, siyaqala ukwenza inkonzo enje kweli leMpuma Koloni,” utsho uMohlala.

Uthi ngaphandle kokuthandaza uzakufika asebenzise i-oyile yakhe kweli hlathi ngeenjongo zokududula imimoya ethimbe izinto zabantu apho.

“Iimali, iimpahla, iincwadi nezithunzela ezi zigcinwe kula mahlathi zizakuphuma ngala mini, zonke ezi zinto zenza ukuba basokole abantu, zizakukhululeka ngale mini,” utsho uMohlala.

Kutshanje usihlalo wekomishini ejongene nokukhuselwa, ukuphakanyiswa kwenkolo, iilwimi, amasiko nezithethe kweli igqithise ingxelo yophando lwayo kumongameli weli uJacob Zuma.

Ethetha ngale ngxelo, usihlalo wale komishini uThoko Xaluva-Mkwanazi, wathi icacisa ngendlela iinkonzo zeli ezijike zabalishishini lokwenza imali egalelwa kubefundisi.

Ihlathi laseGwadana nehlathi laseBhijolo ngamanye kumahlathi ekukho inkolo yokuba asetyenziswa ngamagqwirha ukwenza imisebenzi yawo emdaka.

“UThixo uyacacisa xa esithuma ukuba usithuma ntoni, nini, phi, asizenzeli yonke le nto siyenzayo,” utsho uMohlala.